1. NgokoMthetho weMfundo noQeqesho lwaBadala, 2000 (uMthetho 52 ka-2000), amaziko emfundo yabadala anyanzelekile ukuba anike ingcaciso emalunga neziko ethi ifunwe yiNtloko yeSebe leMfundo.
2. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba babale bonke abafundi ngamnye ngamnye ababhalise kumaziko emfundo oluntu abo baze bangenise la manani kwiSebe iWCED ungagqithanga owe-5 Disemba 2008.
3. La manani makabonise inani elipheleleyo labafundi abafundayo kulo ngalinye inqanaba le-ABET nebakala le-FET ngalinye. Kufuneka abonise kwakhona neqela labafundi abenza iikhosi zezakhono (njengoko kuboniswe ngo"OTHER" kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.)
4. Akukho mfundi makabalwe kabini (double counted) kwaye iitotali mazibonise ukuhamba isikolo kwabafundi njengoko kunjalo nge-30 Novemba 2008.
5. IsiHlomelo A esizaliswe ngokupheleleyo masithunyelwe ukuba siqwalaselwe nguNks C Nefdt kule nombolo yefeksi: 021 467 9385


ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:21

isiHlomelo A  (ubukhulu: 57 KB)