1. ICandelo loCwangciso loLawulo noKuphathwa kwaMaziko (Directorate: Institutional Management and Governance Planning (IMGP)) bekulilo ebeliququzelela iNkomfa yeBhunga eLimele aBafundi (Representative Council of Learners) ebibanjwe nge-19 Julayi 2008. I-IMGP inqwenela ukuvakalisa umbulelo wayo ongazenzisiyo kwabo bafundi abazii-RCL, kootitshala nakumagosa ebeze kule nkomfa aye axhobisa abezileyo ngamava abeyinzuzo enkulu.
2. Kule nkomfa, iCandelo le-IMGP livumile ukwenza amaxwebhu ngezihloko ekwakwenziwe ingcaciso-ntetho (presented) ngazo ukuba afumaneke kuzo zonke izikolo nakwii-RCL.
3. La maxwebhu, kunye nenye ingcaciso eyongezelelweyo, aqulunqwe aziifayili kwaye ziyakuthunyelwa kuzo zonke izikolo ekuqaleni konyaka ngo 2009. Kungongezwa ezinye izihloko kwezi fayili zokujonga ingcaciso kwixa elizayo, kuhlaziywe nezihloko njengoko kufuneka.
4. Iifayili zokujonga ingcaciso (reference files) zenzelwe ukuba zisetyenziswe sisikolo nangabafundi abazii-RCL kwaye kufuneka zigcinwe esikolweni. Xa ubani eboleka ifayili ngeenjongo zokuyifunda, makugcinwe irekhodi yegama lomntu lowo uboleka ifayili, umhla ifayili ebolekwe ngawo kunye nesiginitsha yomboleki. Xa umboleki eyibuyisa ifayili, inqununu okanye utitshala oligosa loqhagamshelwano (TLO) makasayinele kwirejista akuyinikwa ifayili.
5. Iifayili ezikhoyo ngoku zinamaxwebhu abhalwe ngesiNgesi kuphela. Nakuba kunjalo, la maxwebhu njengangoku aguqulelwa kwisi-Afrikansi nasesiXhoseni, kwaye ezi nguqulelo ziya kuthunyelwa kamva. Isikolo ngasinye siya kuthi ngolo hlobo sibe nenguqulelo yesiNgesi nenguqulelo yesibini yolwimi lwaseburhulumenteni olukhethwe siso.
6. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba zizalise le fom iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane zize ziyibuyise phambi kwe-14 Novemba 2008 ukubonisa ukuba zinqwenela ukuyifumana ngoluphi ulwimi ifayili yesibini. Kucelwa uyithumele ifom ezaliswe iinkcukacha ngefeksi kuMnu Ryan Erasmus, weCandelo le-IMGP kule nombolo yefeksi 021 467 9385.
7. Ifayili yesibini iya kuthunyelwa kwakuba kufike ifom yesicelo ezaliswe ngokupheleleyo.
8. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU- MI MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:29

"RCL Reference Files request form"  (ubukhulu: 18 KB)