1. I-Allan Gray Orbis Foundation ineqela eliqingqiweyo leemali zenkxaso (scholarships) kubafundi abenza iBakala 6 njengangoku zokuba bafunde kwizikolo zikarhulumente nezikolo eziziisekondari ezizimeleyo ezithile ezitshatsheleyo ukususela ngo-2010 ukubheka phambili. Le nkxaso-mali ihlawulela iindleko ezipheleleyo zokufunda neefizi zasehostele. Ukongeza apho, ikwabandakanya nenkxaso esisibonelelo seehambo, (travel allowance), izinto zokubhala, iincwadi, izinto zokuhlamba (toiletries), iyunifom yesikolo neempahla zokunxiba kwakunye nezinye izibonelelo.
2. U-Allan Gray ubakhetha abafundi ngokususela kwinkqubo yabo ezifundweni nasekuthatheni inxaxheba kwabo kwimisebenzi eyenziwa emva kweyokufunda, egxininisa ngokukodwa kwimfuno yezemali njengekhrayitheriya. Abenzi-sicelo kuya kufuneka bangenele inkqubo yokhetho engqongqo, ebandakanya phakathi kwezinye izinto, iimvavanyo nodliwano-ndlebe lokuqinisekisa umgangatho nabaviwa kunye nomnye umzali/umgcini womfundi (guardian).
3. Ukuze bafanele ukwenza isicelo, abafundi mabazalisekise ezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Umfundi weBakala 6 waseMzantsi Afrika obefudula evinjwe amathuba ngaphambili obonisa isakhono esiqaqambileyo kwiMathematika nesiNgesi; yaye
  • Onokubonisa ngokucacileyo ukuba ufuna uncedo lwemali
4. Inkqubo yokwenza isicelo enamanyathelo amane ibandakanya oku kulandelayo:

Inyathelo 1: Ukungenisa isicelo
  • Abenzi-sicelo kufuneka bazalise ifom -2008 Allan Gray Scholarship Application Form. Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayifike kwi-ofisi yabo engagqithanga uLwesihlanu we-7 Novemba 2008.
Inyathelo 2: Ukubhala uvavanyo
  • Abenzi-sicelo abafakwe kuluhlu olufutshane baya kucelwa ukuba babhale iimvavanyo zolwazi lokubala, nolwazi lokufunda nokubhala kumaziko ngamaziko ovavanyo akulo lonke eli lizwe.
Inyathelo 3: Udliwano-ndlebe ngefoni
  • Abenzi-sicelo abaqhube kakuhle kwezi mvavanyo baya kuthatha inxaxheba kumjikelo wokuqala wodliwano-ndlebe ngefoni.
Inyathelo 4: Udliwano-ndlebe lobuso ngobuso
  • Abenzi-sicelo abakuluhlu olufutshane baya kucelwa ukuba beze kudliwano-ndlebe lobuso ngobuso. Ngethuba lalo mjikelo, umenzi-sicelo ngamnye makakhatshwe ngumzali omnye okanye ngumgcini omnye.
5. Kuphela ngabenzi-sicelo abanala maxwebhu anika ubungqina alandelayo kwizicelo zabo abaya kufaneleka ukukhethwa:

  • Ikopi engqiniweyo yesatifikethi sokuzalwa, yesazisi okanye ipasipoti yomfundi
  • Ikopi engqiniweyo yesazisi somzali (sabazali/sabagcini)
  • Ikopi engqiniweyo yeS(Z)atifikethi s(z)okuSweleka, ukuba kuyasebenza oko
  • Ikopi engqiniweyo yeripoti yeBakala 5
  • Ikopi engqiniweyo yeripoti yeBakala 6
  • Ikopi engqiniweyo ye(e)peyisiliphu, ukuba kuyasebenza oko
  • Ingxelo (iingxelo) efungelweyo (affidavit) ukuba akaqeshwanga/uhleli ekhaya, anike izizathu zokungaqeshwa.
  • Incwadi ebhaliweyo enesitampu esayiniweyo engqina ngaye evela kutitshala
  • Incwadi ebhaliweyo esayiniweyo engqina ngaye evela kwinkokeli yasekuhlaleni.
6. Iifom zokwenza isicelo zingafumaneka ngolu hlobo:

7. Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo nawo onke amaxwebhu axhasayo kufuneka zithunyelwe kule dilesi ilandelayo:
7.1 Ngesandla

The Allan Gray Scholars Programme Manager
Allan Gray Orbis Foundation
Block B, Granger Bay Court
Beach Road, V&A Waterfront
Cape Town
8001

7.2 Ngeposi (asiyomfuneko istampu sokuposa)

The Allan Gray Scholars Programme Manager
Freepost License No.: -CB11349
Waterfront
8002



ISAYINWE: NGU- LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:03

Poster for the 2008 Allan Gray Scholarship  (ubukhulu: 502 KB)
2008 Allan Gray Scholarship Application Form  (ubukhulu: 125 KB)