1. Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ukulungiselela ithuba laxa kuqhutywa uvavanyo nasemva kovavanyo kunye/okanye koviwo kude kube lusuku lokugqibela lwabafundi ngowe-5 Disemba 2008 ukuze abafundi bagcinwe bexakekile ngendlela enenzuzo. Kubalulekile ke ngoko ukuba zonke izikolo zithobele oku kulandelayo:
1.1 Iintsuku zesikolo ngethuba lovavanyo lokuphela konyaka kunye/okanye ngethuba lokubhalwa koviwo mazingapheli phambi ko-13:00 kubafundi. Abafundi abathatha inxaxheba kwinkqubo ye-CTA yeBakala 9 kazwelonke kufuneka bagcinwe bexakekile ngokuthi kuqhutyekwe nokubafundisa, kuhlolwe umsebenzi wabo (learner review) kujongwe kwakhona umsebenzi abawenzileyo (reflection) emva kokuphela komsebenzi obhalwa nguzwelonke.
1.2 Izikolo maziqinisekise ukuba bonke abafundi bayaya esikolweni ngazo zonke iintsuku, kungakhathaliseki nokuba ngaba baza kuba novavanyo okanye uviwo okanye akunjalo.
1.3 Izikolo mazicwangcise uvavanyo lwangaphakathi kunye/okanye uviwo ngendlela eya kwenza ukuba bonke abafundi ababhalayo bagqibe ngo-13:00 ubuncinane.
2. Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babekho usuku lonke lwesikolo yonke imihla ngeli thuba, kungakhathaliseki nokuba ngaba benza imisebenzi yokugada abaviwa okanye akunjalo.
3. Iiprofayili zabafundi neephothifoliyo mazifumaneke ukulungiselela ukumodareyitha nokudlulela phambili kwabafundi (moderation and progression) ngokwemihla ekugqitywe kuyo zizithili zemfundo.
4. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zingenise iiprogram zazo zovavanyo kunye/okanye zoviwo kubaphathi bazo beekomiti zeesekethe ngomhla okanye phambi komhla we-7 Novemba 2008.


ISAYINWE: NGU- LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:29