Kucaciswa la manyathelo alandelayo ukwenzela ukuqinisekisa utshintsho olungenamagingxi-gingxi ngokumalunga neenkqubo zesiCwangciso sikaZwelonke samaNqanaba okuPhumelela kwaBafundi (National Strategy for Learner Attainment) ngenxa yenkqubo yohlenga-hlengiso eqhubekayo ngoku kwiSebe iWCED.

Injongo yala manyathelo kwakhona kukuphucula, ukomeleza nokuqinisa iinkqubo esele zikho ukuze kuqinisekiswe ukuba izikolo eziphumelele ngaphantsi kwe-60% kwiimviwo zeMatriki ngo-2007 zibonisa ubungqina obucacileyo bokuphucula imeko kwezo nkalo ziye zaqatshelwa.

1. Ukuqhubeka kweeprogram zeNSLA ezikhoyo
1.1 Kucetyiswa ukuba amanyathelo ongenelelo ngoncedo neeprogram esele zicwangcisiwe ngamagosa ezithili ebekade esebenza ezikolweni ukuza kuthi ga ngoku, makaqhubeke aze avunyelwe ukuba agqibe ithuba lawo lokusebenza elipheleleyo. Oku kuthetha ukuba nangona ezinye izikolo zeNSLA zisenokuzifumana zikwizithili zemfundo ezitsha okanye kwiisekethe ezintsha, eyona nto iya kuba ilungiselela isikolo eso bhetele kukuba siqhubeke ngaloo ndlela besele siqhuba ngayo ukuza kuthi ga ngoku.
1.2 Iikomiti zesekethe ezintsha kunye/okanye amagosa ezithili zemfundo aya kungena abambe iintambo kwiimeko ezithile aze aqhubeke ngezi program ukuze ukuba kuyimfuneko, ongezelele, aziphucule okanye afakelele kodwa angaziphelisi ezo zinto besele ziqhutywa kakade. Nakuphi na ukutenxa kule program makuvunywe nguMlawuli oyiNtloko weZithili zeMfundo.

Oku kulapha ngasentla kungeeprogram zongenelelo ngoncedo ezinje ngezi zilandelayo:

  • Ukwabiwa kwemali yabelwe iiprogram ezithile ezikhethiweyo
  • Ukuphunyezwa kweziCwangciso zoPhuculo lweZikolo
  • Iiprogram zokunika iingcebiso (Mentorship programmes)
  • Utyelelo lwezikolo qho ngeveki ngenjongo yokuzibeka esweni nomalaziwe ncam
  • Iiklasi ezongezelelweyo/ Iiklasi zangeMigqibelo/Izikolo zaseBusika naseNtlakohlaza
  • Ukunikwa izibonelelo ezingaphezulu zeLTSM namancedo
  • Umahluko ocacileyoi weNSLA - Iphulo lokucoca isikolo
  • Inkuthazo kootitshala nakubafundi
1.3 Abaququzeleli be-NSLA mabanike inkcazo epheleleyo ngesikolo ngasinye baze bagqithise yonke ingcaciso emalunga neeprogram zeNSLA, iiprayorithi eziphambili nesicwangciso seNSLA yesithili kumagosa aza kungena ezikhundleni kwizithili ezitsha. Izithili kufuneka zinciphise ifuthe lenkqubo yohlenga-hlengiso ngokunika inkxaso kwiiprogram esezikho zeNLSA kangangoko oku kunokwenzeka.

2. Izinto eziphambili ezenziwayo (Key deliverables) kwikota 3 Umhla obekiweyo
2.1 Ukuqinisekisa ukuqhubeka kotyelelo lwezikolo qho ngeveki ngenjongo yokuzibeka esweni (Amagosa esithili ecandelo ngalinye) Kanye ngeveki
2.2 Ukungeniswa kweziphumo zoviwo lwangoJuni olufanayo kwi-H/O neDoE NgoLwesine, we-17 Julayi
2.3 Ukugqitywa kokutshekishwa kweeProgram zokuFunda (Ngokwee-pace-setters zeWCED) NgoMvulo we-18 Agasti
2.4 Ukubeka esweni qho ngenyanga ukungahambi sikolo kootitshala nabafundi Qho ngenyanga
2.5 Iirekhodi/Iinkcukacha-manani neenkcukacha ezishwankathelayo zotyelelo lwezikolo ngamagosa (icandelo ngalinye) kwizikololo zeLAS Qho ngenyanga
2.6 Ingxelo yekomiti yesekethe qho ngeeveki ezimbini Jonga imihla emiselweyo
2.7 Ingxelo engenkqubela qho ngenyanga ngawo onke amaphulo ongenelelo ngoncedo acwangcisisweyo (Kunye neenkcukacha umz.Iithayimthebhile) Qho ngenyanga
2.8 Intlanganiso qho ngekota nootitshala besikolo seNSLA ngasinye nekomiti yesekethe yokujongisisa kwakhona inkqubela Ekupheleni kweKota 3
2.9 Ukuqhutywa kweemviwo ezifanayo zePhondo zikaSeptemba nokungeniswa kweziphumo Septemba
2.10 Ukuqatshelwa nokwenza ingxelo kwaNdlunkulu ngazo zonke iinqununu nootitshala abangaqhubi kakuhle 21 Agasti 2008

3. Iinkukacha

Ngokomhlathi 2.10 apha ngasentla, makuqatshelwe iinqununu nootitshala abathi ngabom baqhubeke nokubangela ukungaqhubi kakuhle kwesikolo esikwiprogram, kuze kungeniswe ingxelo ngabo kwaNdlunkulu ngalo mhla ukuba iqwalaselwe liCandelo lezoBudlelwane eMsebenzini.


4. Ukwenza ingxelo
4.1 Ngumphathi wekomiti yesekethe oligosa elinoxanduxa lokuphendula malunga neprogram yeNSLA.
4.2 Kuya kufuneka umphathi wekomiti yesekethe ukuba angenise ingxelo qho kwiiveki ezimbini ngemeko ekukuyo (biweekly status report) kumlawuli wesekethe ukwenzela ukwazisa ngezakutshanje iTOPCO ezingenkqubela yesikolo se-NSLA ngasinye.
4.3 Inkqubo
  • Umphathi wekomiti yesekethe makangenise ingxelo ehlaziyiweyo kumlawuli wesithili semfundo qho ngeeveki ezimbini.
  • Umququzeleli weNSLA weSithili makenze ingxelo qho ngeeveki ezimbini ngokuqhubekayo malunga nemiba yeNLSA ayenzele isithili.
  • Ingxelo ehlaziyiweyo ngokuqhubekayo mayingeniswe ngumququzeleli weNSLA wesithili kumququzeleli wephondo, noya kwenza ingxelo yephondo.
  • Ingxelo mayingeniswe kwiintsuku ezimbini phambi kwentlanganiso yeTOPCO kuMlawuli oyiNtloko weZithili zeMfundo.
4.4 Imihla ebekelwe ukungeniswa kweengxelo ezihlaziyiweyo zaqho kwiiveki ezimbini
  • ULwesihlanu, we-25 Julayi 2008
  • ULwesihlanu, we-8 Agasti 2008
  • ULwesihlanu, we-22 Agasti 2008
  • ULwesihlanu, we-5 Septemba 2008
  • ULwesihlanu, we-19 Septemba 2008
  • ULwesihlanu, we-10 Oktobha 2008 -Ingxelo yokugqibela
5. Ukubeka esweni iziCwangciso zoPhuculo lweZikolo (SIPs).
5.1 Zonke izikolo zeNLSA ziqeqeshwe ngokupheleleyo zaza zanikwa inkxaso ukuze zenze ii-SIPs ezibanzi (comprehensive SIPs). Ezi SIPs zimodareyithiwe ngamagosa ezithili kwaye sele zivunyiwe zaza zasayinwa ngumlawuli wesithili semfundo ngamnye. Ilungu ngalinye lekomiti yesekethe kufuneka libe nesiCwangciso soPhuculo lweSikolo kwakunye nekopi yesicwangciso sabo sokuphucula iziphumo zabo.
5.2 Ziyacelwa iikomiti ukuba ziqinisekise ukuphunyezwa kwezicwangciso esele zingenisiwe. Ingxelo yokuqhuba kwesikolo malunga nokuba sele kuqhutywe kangakanani na kwii-SIPs zezikolo, iya kufunwa ekupheleni kwekota nganye.
5.3 Iikopi zala maxwebhu zingafunyanwa kumququzeleli weNSLA wesithili okanye kule ofisi yoqhagamshelwano ikhankanywe apha ngasentla.

6. Ukubeka esweni iimali ezabiweyo zokuphucula iziphumo zematriki
6.1 Isikolo ngasinye seNSLA sabelwa isixa-mali ngethuba likaFebruwari ukuya kuMatshi ngokwenkqubo-sikhokelo ethile. Isikolo sangenisa izicwangciso zezinto eziza kwenziwa ezineenkcukacha ezininzi (detailed business plans), nezamodareyithwayo zaza zabuyiselwa ezikolweni phambi kokuba ezi zicwangciso zivunywe kwinqanaba lesithili.
6.2 Sele ikhutshiwe inkxaso-mali yethuba elisusela kwi-1 Apreli 2008 ukuya kwi-31 Matshi 2009 kwaye isithili semfundo ngasinye masizilawule ezi mali ngokwenkqubo-sikhokelo yeNLSA nePFMA. Abaququzeleli bezithili zemfundo benze isicwangciso esineenkcukacha sezinto eziza kwenziwa ngokumalunga noku.
6.3 Iikomiti zeesekethe nabaphathi abasezikolweni (school-based management) bayacelwa ukuba bakujonge ngeliso elibukhali ukusetyenziswa kwale nkxaso-mali. Ingxelo ngenkcitho esele yenziwe ukuza kuthi ga ngoku mayingeniswe ungadlulanga owe-21 Agasti 2008.
6.4 Omnye kwimiba eyiprayorithi ekusetyenzisweni kwale mali kukuba isikolo masicoceke. Iiklasi, izindlu zangasese namabala okudlala mazicoceke. Ziyacelwa ikomiti zeesekethe ukuba ziqinisekise ukuba ezi zinto zimele ukwenziwa zenziwe ngokwenene ngendlela eyiyo.

7. Izikolo ezisemngciphekweni

Zonke izithiili sele zizikhethile izikolo ezisemngciphekweni wokungaqhubi kakuhle ngo-2008. Ezi zizikolo ezibonisa iimpawu zokufumana iziphumo ezisezantsi okanye apho kukho ubungqina obuye busanda bokuba isikolo asiphathwanga ngendlela eyiyo. Abaphathi beeKomiti zeeSekethe bayacetyiswa ukuba bajongisise uluhlu olukhoyo ngoku lwezikolo ezisemngciphekweni baze baqinisekise ukuba baziqaphele ezo zikolo zisemngciphekweni kwaye zibekwe esweni kwisekethe nganye. Makwenziwe uluhlu lwezikolo eziziisekondari eziqatshelweyo oluhamba nekhomenti emfutshane malunga nokuba kutheni na kubonakala ngathi isikolo eso sisemngciphekweni. Oku kufuneka kufakwe kwingxelo yesithili elindeleke nge-21 Agasti 2008.


8. Indima yomququzeleli weNSLA neekomiti zeesekethe
8.1 Umququzeleli weNLSA wenza umsebenzi wokuququzelela, ukunika ingxelo nokubhexesha ngokupheleleyo le program kwinqanaba lesithili semfundo ukuqinisekisa ukuba izinto ekumele ukwenziwa (deliverables) ziyenziwa ngokwenene.
8.2 Umququzeleli weNLSA usebenza kunye nazo zonke iikomiti zesekethe ukuqinisekisa ukuba ungenelelo ngoncedo luyaqhubeka njengoko kucwangcisiswe. Nangona kunjalo, umququzeleli weNLSA kufuneka angayekelwa aziqhubele ngokwakhe yedwa iprogram yeNSLA kwisekethe. Iikomiti zeesekethe ziphathiswe umsebenzi wokuba zinike inkxaso izikolo ezingaqhubi kakuhle ngendlela evelela zonke iinkalo, eyondeleleneyo nehlangeneyo. Iikomiti zeesekethe ke ngoko ziya kudlala indima ebalulekileyo yokuphuhlisa amaziko angaqhubi kakuhle abe ngamaziko aqhuba ngempumelelo nangamanga ndaweni nye.

9. Indima yomphathi wekomiti yesekethe
9.1 Omnye umsebenzi ophambili womphathi wekomiti yesekethe kukuphucula nokutshintsha amaziko angaqhubi kakuhle ngendlela evelela zonke iinkalo, eyondeleleneyo nehlangeneyo. Ngoko ke abaphathi beekomiti zesekethe baphathiswe umsebenzi wokuqinisekisa ukuba kukho intshukumo ebonakalayo kumaziko angaqhubi kakuhle xa kuthelekiswa naloo meko aye kuyo ekuqaleni kwale nkqubo.
9.2 Umphathi wekomiti yesekethe ligosa elenza lo msebenzi. UMphathiswa weMfundo uvakalise injongo yakhe yokuba baya kucelwa abaphathi beekomiti zeesekethe basayine imvumelwano yentsebenzo (performance agreement) ecacisa gca amagama ezikolo zeNLSA eziza kutshintsha zibe zizikolo eziphumelelayo kwithuba lika-2008/09 eliqalela ngoku.
10. Kwenziwa amalungiselelo entlanganiso yabaphathi beekomiti zesekethe nabaququzeleli beNSLA, ukuze kuthetha-thethwane noogxa babo malunga namanyathelo okubheka phambili ngokweNSLA nokuqinisekisa ukuba kuyaxoxwa ngokupheleleyo ngoku kulapha ngasentla ngokwenkqubo-sikhokelo yemigaqo-nkqubo efanelekileyo. Iinkcukacha zale ntlanganiso ziya kuthunyelwa kubo bonke abachaphazelekayo kwakamsinya.


ISAYINWE: NGU-S. LINGELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:14