1. |
Inkqubo yohlenga-hlengiso lweSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) eyaqala nge-1 Oktobha 2007, ibe neziphumo zokudalwa kwamacandelo amatsha nee-ofisi zezithili.
|
2. |
Ufakelo lwezilungiso kwi-oganogram yeli Sebe (WCED) kungakhokelela ekubeni iifayili ezininzi zisuswe kwenye irejistri zisiwe kwenye.
|
3. |
Ngokumalunga nokudluliswa kweefayili ukusuka kwenye irejistri zisiwe kwenye, kucelwa ukuba nifunde imigaqo equlethwe kumhlathi 7.3 wolu xwebhu Registration Procedure Manual emisela ukuba xa iirekhodi zisuswa ngokusisigxina kwenye irejistri zisisiwa kwenye, i-ofisi enqwenela ukuthumela ezo rekhodi mayiqale yazise i-Akhayivisti yeSizwe (National Archivist) ngokumalunga noku. Izintlu ezizaliswe ngokupheleleyo zeerekhodi ezichaphazelekayo mazingeniswe kweli candelo Directorate: Procurement Management (Attention: Mr J.T. Solomons) ngenjongo yokuba zitshekishwe, nokuba ngaba zibhalwe ngolandelelwano lwe-alfabhethi (alphabetical order) okanye ngolandelelwano lwamanani (numerical order). Emva kokutshekishwa, isicelo sakho siya kudluliselwa kwi-Akhayivisti yeSizwe ngenjongo yokuba inike imvume yayo.
|
4. |
Ngaphezulu, akukho zirekhodi mazidluliswe de i-Akhayivisti yeSizwe ibe ikuvumile oko kudluliswa kwazo.
|
5. |
Kucelwa ukuba zonke iintloko zee-ofisi ziqinisekise ukuba izicelo zokudluliswa kweerekhodi zithunyelwa kweli candelo lilapha ngentla kwangethuba ukuze zitshekishwe.
|
6. |
Xa kucetywa ukudluliswa kweerekhodi, oko kukwadala ithuba lokuba kukhe kuqwalaselwe ukuchithwa nokutshatyalaliswa (disposal and destruction) kweerekhodi. Uyakhunjuzwa kwakhona ukuba zonke iifayili ezingu-A20 ezazenziwe kwiminyaka eyi-20 edlulileyo, zingadluliselwa ngoku kwi-Akhayivi (Archive) ngokusisigxina. Zonke ezinye iifayili ezingu-A20 ezazenziwe kwiminyaka enganeno kweyi-20 edlulileyo, kodwa zibe zingasasetyenziswa ngoku ngenxa yenkqubo entsha, mazigcinwe.
|
7. |
Nayiphi na eminye imibuzo emalunga noku kubhalwe kule ngcaciso imfutshane ingabhekiswa kwaba:
Mnu IA Opperman yefoni: 021 467 2765
Nks M Fick yefoni: 021 467 2758
|
ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:29
|