1. Ngethuba kwakuthathwa istokhwe kunyaka-mali ka-2007/2008 kwaqatshelwa ukuba abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) abathile babengayithobeli maxa onke imigqaliselo ekwiSetyhula 28/2005 ye-23 Meyi 2005 neyeSetyhula 40/2005 ye-13 Agasti 2007, njengoko izinto ezikwii-inventri zaye zasuswa ngaphandle kokuzaliswa nokungeniswa kweefom ezifanelekileyo zokususwa kwezinto (relevant movement forms). Ukungathobeli miqathango ngokunxulumene nokuzaliswa kweefom zokususwa kwezinto kuneziphumo ezibangela iingxaki ezinkulu. Bayacelwa ke ngoko abaphathi abajongene nestokhwe ukuba baqinisekise ukuba ukususwa kwezinto kuyarekhodwa qho inyanga nenyanga.
2. Ngokunxulumene noku ezi zinto zilandelayo kufuneka zenziwe:
2.1 Ukususwa kwezinto ukususela kowe-1 Apreli 2008 ukuza kuthi ga ngoku makutshekishwe ngokuthi kujongwe kwii-inventri ezisayiniweyo. Ngamanye amazwi, ukuba into ethile ayikho kwi-ofisi leyo emele ukuba ikuyo ngokwe-inventri, makuzaliswe ifom yokususwa kwento ngokunxulumene naloo nto isusiweyo (ifom iqhotyoshelweyo kwiSetyhula 28/2005 yowe-23 Meyi 2005). Abo baphathi bajongene nestokhwe abasebezingenise zonke iifom zokususwa kwezinto akukho mfuneko yokuba benjenjalo kwakhona.
2.2 Ngenyanga nganye ukuza kuthi ga ekupheleni kwalo nyaka-mali, iifom ezizalisiweyo zokususwa kwezinto ezimalunga nezo zinto ziye zasiwa kwenye indawo mazingeniswe kuMnu DT Scholtz kule dilesi ekhankanywe kumhlathi 3 apha ngasezantsi.
2.3 Ngokumalunga nezo nyanga ekuye akwabikho kususwa kwezinto kwenzekileyo, makungeniswe ingxelo ethi akukho nto ingenisiweyo. Ukuba into ethile iye yasuswa ukusuka kwelinye igumbi ukusiwa kwelinye, loo nto ithathwa njengokususwa kwento ngokwale ngcaciso imfutshane.
3. Bayakhunjuzwa kwakhona abaphathi abajongene nestokhwe ukuba batyumbe umntu okanye abantu abaya kujongana nomsebenzi wolawulo lwee-asethi zecandelo/zecandelwana/ze-ofisi. Kufuneka batyunjwe ngencwadi ebhaliweyo kwaye nemisebenzi yabo nayo icaciswe kwangencwadi ebhaliweyo. (Kuqhotyoshelwe apha uxwebhu lwemisebenzi (duty sheet) yegosa lolawulo lwee-asethi ukuze ulusebenzise). Igama lomntu otyunjiweyo malingeniswe (amagama abantu abatyunjiweyo makangeniswe) kuMnu DT Scholtz kule dilesi ilandelayo:
Room 612, 6th Floor
Grand Central Towers
Cape Town
4. Nayiphi na imibuzo emalunga nokukule ngcaciso imfutshane inokubhekiswa kwaba bantu balandelayo:
Mnu D Scholtz, ifoni 021 467 2799
Mnu D Jacobs, ifoni  021 467 2012
5. Uyacelwa ukuba wazise okukule ngcaciso imfutshane onke amagosa achaphazelekayo.
6. Enkosi ngentsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:19

"Duty Sheet: Asset record controller"  (ubukhulu: 29 KB)