1. Ukususela kwithuba lokuphunyezwa kwenkqubo yohlenga-hlengiso, kubonakala ngathi kukho ukungaqiniseki malunga nokwabelwa imali kwezicelo zefanitshala kunye neendidi zefanitshala ezinokubonelelwa. Ukuza kuthi ga ngoku, onke amagosa akwizithuba zengqesho ezisanda kubakho zeSMS ayinikiwe ifanitshala kwaye oku kwabelwe imali nge-Ofisi yoHlenga-hlenganiso (Redesign Office), kungakhathaliseki candelo ezikulo izithuba ezo. Ukuphelisa nakuphi na ukungaqiniseki, ukususela ngoku kuza kusebenza la manyathelo alandelayo:

1.1 Kubaluleke gqitha ukuba umphathi ngamnye aqinisekise ukuba kufunyanwa ifanitshala eyimfuneko nezixhobo zabo bonke abasebenzi abasanda kuqeshwa. Injongo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezaBasebenzi No 0009/2008 kukunceda abaphathi ukuba bacwangcise baze balungise kakuhle ukuzaliswa kwezithuba zengqesho zabo. Owona mthetho obalulekileyo omawulandelwe (golden rule) ngowokuba ngumsebenzi oluxanduva lomphathi ngamnye ukuqinisekisa ukuba yeyiphi na ifanitshala ekhoyo kwaye izeziphi izinto eziyimfuneko emazifunwe, aze ke afumane ezo zinto zifunekayo. Oku kuthetha ukuba makulandelwe iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo zikarhulumente ezimiselweyo yaye makuzaliswe iifom ezifanelekileyo zize zingeniswe.
1.2 Onke amagosa afanelekile ukuba afumane ifanitshala eyakhiwe ngokwemigangatho kunikwe neenkcukacha zenkcazo yeempahla (standards and specifications) zeWCED. Qaphela ukuba ithuba lokwenziwa kwefanitshala lingathatha ixesha elingaziiveki ezi-4 ukuya kwezi-6 kwaye ke ngoko ifanitshala elolu hlobo mayifunwe kwangexesha (in advance). Njengoko kucacisiwe kumhlathi 1.1, ngumsebenzi oluxanduva lomphathi ngamnye ukuqinisekisa ukuba yeyiphi na ifanitshala ekhoyo kwaye izeziphi izinto emazifunwe nokuba kuqaliswe inkqubo yokuba kwabelwe imali ezo zinto zifunekayo kuze kufunwe eyezo zinto zishotayo (sourcing the shortfall). Ezi zicelo mazingeniswe kwi-Ofisi yoHlenga-hlengiso ngenjongo yokungqinwa kwesabelo-mali (confirmation of funding).

1.2.1 Abalawuli baya kufanela ukuba bafumane le fanitshala ilandelayo:

  1. 1x solid wooden desk with 5 drawers and a leather inlay on desk top (1 500mm length x 900mm width x 760mm height
  2. 1x mobile pedestal with 3 lockable drawers and 1x pencil drawer (400mm x 390mmx 600mm
  3. 1x computer desk (1 200mm x 700mm x 760mm) with tri-angular link affixed to the desk (900mm x700mm x 260mm)
  4. 1x wooden hat-and-coat stand
  5. 1x 3-division correspondence rack with 9 shelves (390mm x 860mm x 750mm)
  6. 1x high-back executive chair on castors (revolving, swivel and tilt, adjustable height and with armrests)
  7. 3x upholstered visitors chairs
  8. 1x wall unit (combined bookcase), two glass doors on top and two wooden doors at the bottom (1 900mm x 1 140mm x 375mm)
1.2.2 AmaSekela Balawuli aya kufanela ukuba afumane le fanitshala ilandelayo:

  1. 1x modular solid wooden desk without drawers (1 500mm length x 900mm width x 760mm height
  2. 1x mobile pedestal with 3 lockable drawers and 1x pencil drawer (400mm x 390mmx 600mm
  3. 1x computer desk (1 200mm x 700mm x 760mm) with tri-angular link affixed to the desk (900mm x700mm x 260mm)
  4. 1x wooden hat-and-coat stand
  5. 1x 3-division correspondence rack with 9 shelves (390mm x 860mm x 750mm)
  6. 1x high-back executive chair on castors (revolving, swivel and tilt, adjustable height and with armrests)
1.2.3 Amanye amagosa:

Apho kufuneka ifanitshala efunelwa nawuphi na umlawuli oncedisayo omtsha okanye obesoloko ekho (okanye umntu okwisikhundla esilingana nesi) okanye efunelwa abakwizikhundla ezikumanqanaba angasezantsi, makufunwe ifanitshala yendawo yokusebenzela evulekileyo (open-plan workstations) ngokwemimiselo yephondo. Ukutenxa kulo mmiselo, ukuvumela amagosa asanda kungena kwizithuba zengqesho ukuba angene kwii-ofisi ezingamagunjana (cellular offices), makuxhaswe ngezizathu ezingqina ukufaneleka koko ngumphathi weprogram ochaphazelekayo. Akukho sizathu sokuba iindawo zokusebenzela ezizii-open-plan workstations zingasetyenziswa kwi-ofisi eligunjana (cellular office). (Ngamnye umphathi weprogram makakhuphe imali yokuthengwa kwefanitshala efunekayo kwibhajethi yemali ayabelweyo echaphazelekayo. Ngako oko ke kusemagxeni omlawuli ngamnye ukubala ukuba ingaba kukho imali eyaneleyo yokuthengwa kwezixhobo ezilolu hlobo. Amacandelo aphantsi kweCandelo eliKhulu leeNkonzo zeSebe (Corporate Services) makangenise iifom zawo zezicelo zokwabelwa imali ngokumalunga nezithuba ezitsha kuSekela Mlawuli-Jikelele weCandelo leeNkonzo zeZiko (Deputy Director-General: Corporate Services).

2. I-Computer hardware ngokwemimiselo yemigangatho yolwabiwo-mali yeCentre for E-Innovation (1x desktop PC and a printer), iya kunikwa ngalinye igosa elisanda kuqeshwa kwisithuba esitsha esibekho ngenxa yenkqubo yohlenga-hlengiso. Esi sabelo-mali siya kuthathwa kwibhajethi eyabelwe inkqubo yohlenga-hlengiso. Ummiselo wolwabiwo-mali ngulo ulandelayo:

Abalawuli                 : I-Laptop okanye idesktop ne-LaserJet printer

AmaSekela Balawuli : I-Desktop ne-LaserJet printer (I-laptop ukuba ngumntu omana                                  ukuphuma e-ofisini aye kusebenzela ngaphandle (mobile user)                                  makunikwe izizathu ezixhasayo ezingqina imfuneko yayo)

Amanye amagosa      :I-Desktop + LaserJet printer (ukunikwa iiprinta kumana kuhlaziywa                                  yi-Centre for e-Innovation, ingakumbi kwii-ofisi ezizi-open-plan offices)

Amagosa afanele ukufumana i-datacards kuphela emva kweengcebiso ezenziwa yi-DITCOM. Kufuneka kungeniswe izizathu ezicacisa ngakumbi ezixhasayo ezingqina ukufaneleka koko (detailed justification) kwifom yokwenza isicelo efanekileyo esetyenziswayo. Umgaqo-nkqubo njengangoku malunga nale thekhinoloji ukwiSetyhula 30/2008, yomhla we-04 Septemba 2008. Nangona kunjalo, olu hlobo lonxibelelwano njengangoku luphantsi koqwalaselo ukujonga ezinye iindlela zonxibelelwano ezonga imali bhetele yaye iza kulandela enye ingcaciso malunga noku.

3. Kukwabonakala kwakhona ukuba kusekho ukungaqiniseki malunga nemimiselo yolwabiwo-mali yezinye izixhobo. Kucelwa niqaphele ukuba ekhitshini elikumgangatho ngamnye kukho ezi zixhobo zilandelayo ezifanele ukusetyenziswa ngabasebenzi:

  1. 1x 255 litre fridge/freezer combo
  2. 1x 25 litre (750 watt) i-microwave oven
  3. 1x 25 litre urn

Ezi zixhobo mazithengwe ngumphathi weprogram ochaphazelekayo. Izitya nezinye izinto eziyimfuneko zecandelo mazithengwe licandelo ngalinye kwezo mali zalo zabelwe iimpahla neenkonzo.

4. I-Ofisi yoHlenga-hlengiso njengangoku iqwalasela umba wokubonelelwa ngefanitshala kwegumbi leengxoxo (boardroom) elikumgangatho ngamnye onabasebenzi beSebe iWCED e-Atterbury House. Kuya kuthetha-thethwana malunga noku ngaBalawuli abaziiNtloko abakwimi-gangatho echaphazelekayo e-Atterbury House.
5. Njengangoku iCandelo le-E-learning neeNkonzo zeeLayibrari, ngokuthetha-thethana neCandelo loQhagamshelwano naBathengisi (Supply Chain), liqulunqa umgaqo-nkqubo wokubonelelwa ngezibonelelo zefeksi. Lo mgaqo-nkqubo uya kwaziswa kungekudala.
6. Uphethwe njengangoku umba wemfuneko yezithuthi ze-GG, njengemfuno ebangelwe yinkqubo yohlenga-hlengiso. Sele ku-odolwe iqela lezithuthi kwiSebe lezoThutho neMisebenzi kaRhulumente. Ukuziswa kwezi zithuthi kuya kuthatha ixesha kwaye abasebenzisi bazo kuya kufuneka basebenzise izithuthi ezikhoyo ngoku, de zifike ezo. Naziphi na iimfuno zexesha elizayo mazabelwe imali lelo candelo lichaphazelekayo.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU- CJ FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:13