1. I-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury) ingene kule mvumelwano ikhankanywe apha ngasentla yokubonelela ngenkonzo yekhuriya kurhulumente. Le mvumelwano yaqukunjelwa naba baboneleli-nkonzo balandelayo kwaye isebenza ukususela kowe-1 Oktobha 2008 okwethuba leminyaka emibini. Le nkonzo inokusetyenziswa kuphela kwiimeko ezingxamiseke ngokukodwa kakhulu (exceptionally urgent cases).

Contractor Contact Person Tel No & Fax No Postal Address
Crossroad Distribution (Pty) Ltd (Trading as Skynet Worldwide Express) Moses Mashilo Tel: (011) 571-4500
Fax: (011) 571-4908
PO Box 8807
Edenglen
1613
The Courier and Freight Group (Pty) Ltd Nhlanhla Clement Dube Tel: (011) 961-3000
Fax: 0866856360
PO Box 629
Isando
1600
Globe Flight Worldwide Express (Pty) Ltd Richard Mooa Tel: (011) 922-2600
Fax: (011) 974-3386
PO Box 4237
Edenvale
1610
2. Ukuba kukho naliphi na icandelo okanye i-ofisi yesithili semfundo enqwenela ukusebenzisa inkonzo ecaciswe kule mvumelwano intsha i-National Treasury Contract RT 5-2008 CP, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:

  1. Qhagamshelana nomboneleli-nkonzo ucele uxwebhu lwepasela ethunyelwayo (waybill), emaluzaliswe ngokupheleleyo licandelo elo. Icandelo elo malinike ezi nkcukacha zilandelayo:

    • Igama lecandelo / lecandelo lomlawuli oyintloko / le-ofisi yesithili semfundo
    • Igama lomntu ekuqhagamshelwana naye
    • Idilesi yesitrato nenombolo ye-ofisi yomntu ekuqhagamshelwana naye
    • Ifoni yomntu ekuqhagamshelwana naye
    • Inombolo yesalathiso yefayili erekhoda iinkcukacha zenkonzo yekhuriya eyimfuneko

  2. Cela umboneleli-nkonzo lowo ukuba aze kuthatha ipasela eza kuthunyelwa (iipasela eziza kuthunyelwa) ngekhuriya ize i-invoyisi yenkonzo leyo yenziweyo ithunyelwe kumntu ekuqhagamshelwana naye obecele loo nkonzo.

  3. Yakufika i-invoyisi, thelekisa iinkcukacha ezirekhodwe kwifayili eyodwa (funda ku-(a) apha ngasentla) ukuqinisekisa ukuba ngaba inkonzo kwabonelelwa ngayo ngokwanelisayo na nokuqinisekisisa ukuba ngaba i-invoyisi leyo inako na ukuhlawulwa.

  4. Hlawula isixa eso sibhalwe kwi-invoyisi ngqo kwi-BAS (Sundry Cycle)
3. Kucacile koku kubhalwe apha ngasentla ukuba icandelo elifuna inkonzo yekhuriya lilo ekumele luhlawule i-akhawunti nokuphendula yonke imibuzo engavela kuyo nayiphi na inkonzo ethile.
4. Uyacelwa ukuba wazise onke amagosa malunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU- RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:13