1. Ngokwemigqaliselo ekwi-Accounting Officers System nakwinkqubo evunyiweyo yokugqithiselwa kwamagunya, iCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla (Directorate: Procurement Management) linoxanduva lokuthengwa kweempahla neenkonzo zawo onke amacandelo kunye nee-ofisi zezithili zemfundo eziphantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni. Phambi kokuba kuqaliswe ngeCandelo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla elihlenga-hlengisiweyo, kwakusetyenziswa abasebenzi bokuhambisa iimpahla (messenger service) ukusa iimpahla ezi-odolweyo kubaphathi bestokhwe (responsibility managers) abachaphazelekayo. Nakuba kunjalo, ukususela ngo-1 Apreli 2008, iCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla alisenayo inkonzo yabasebenzi bokuhambisa iimpahla. Liye ke ngoko lenza amalungiselelo okuba abathengisi (suppliers) bazise ngqo iimpahla kubaphathi bestokhwe.
2. Kodwa ukususela emva koko iCandelo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla liye laqaphela ukuba kukho iingxaki ezivelayo ngokumalunga nokwamkelwa nokutshekishwa kweempahla ezizisiweyo ngabaphathi bestokhwe. Emva kokuwuqwalaselisisa lo mba, kuye ke ngoko kwafikelelwa kwisigqibo sokuba kulandelwe le ndlela ilandelayo ngokumalunga nokwamkelwa nokutshekishwa kweempahla ezi-odoliweyo.
2.1 Zonke iimpahla ziya kusiwa kwiCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla, apho ziya kutshekishwa khona ukujonga ukuchaneka kobungakanani bazo (quantities) nomgangatho wazo (quality).
2.2 Umphathi westokhwe ochaphazelekayo uya kwaziswa ngoko nangoko ukuba iimpahla ebezi-odolwe zifikile.
2.3 Umphathi westokhwe ochaphazelekayo uya kuthi ke ngoko abe noxanduva lokuthatha iimpahla ngokukhawuleza.
3. Kubalulekile ukuqaphela ukuba iCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla alinayo indawo yokugcina iimpahla ezizisiweyo. Ngako oko ke, iCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla aliyi kuthwala xanduva ngokugcinakala ngokukhuselekileyo kweempahla ukuba azithathwanga kwangolo suku ezifike ngalo ngumphathi westokhwe.
4. Ukuba ku-odolwe iimpahla ngezixa ezikhulu, abaphathi bestokhwe banokwenza amalungiselelo neNtloko yeeNkonzo zaBasebenzi bokuhambisa iiMpahla (Head of the Messenger Services) ukuba kuze kuthathwa iimpahla kwiCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ekuqinisekiseni ukuba inkqubo yokusiwa nokwamkelwa kweempahla ihamba kakuhle.


ISAYINWE: NGU-WL CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:23