1. Okuqhotyoshelwe apha zizintlu ezihlaziyiweyo (updated lists) zabathengisi ababhalisiweyo izikolo ezingathenga kubo iincwadi zezifundo (textbooks) zazo kunye nezinye iincwadi nezinto ezizifunayo ngokungqinelana nomhlathi 5.1.1 (b) weSetyhula: 0051/2007-yomhla wama-21 Septemba 2007.
2. Babeceliwe bonke abathengisi ukuba babhalise imvumelwano entsha yeli thuba likhankanywe apha ngasentla, kwaye ezi listi zibonisa bonke abathengisi ababhaliso lwabo luvunyiweyo. Abathengisi abatsha baboniswe ngokubhalwa ngqindilili kwezi listi.
3. Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo lolawulo lokuthengwa kweempahla neenkonzo 0013/2008 yomhla we-15 Agasti 2008.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:11

Updated list - "Annexure A: HDI Suppliers"  (ubukhulu: 43 KB)
Updated list - "Annexure B: non-HDI Suppliers"  (ubukhulu: 18 KB)