1. Ukubalwa kwestokhwe qho ngonyaka esiyifanitshala nezixhobo (kubandakanywa nezixhobo ze-IT) kulo nyaka-mali kuya kuqala kungekudala. Uza kunikwa iprogram kwakamsinya.
2. Ukuqinisekisa ukuba amagqiza abala istokhwe akarekhodi zixhobo zingasenakusetyenziswa okanye ziphelelwe lixesha, uyacelwa ukuba uzifake eluhlwini ezo zixhobo uze ulungenise olo luhlu. Inkqubo echanekileyo yokukhutshwa ezincwadini kwezixhobo nokuchithwa kwazo (disposal) ichazwe ngokucace gca kule Setyhula 0063/2007 yowe-29 Novemba 2007.
3. Uyakhunjuzwa kwakhona ukuba xa kususwa izinto (when items are moved), makuzaliswe ngokufanelekileyo le fom "Application for the movement of inventory items" ize ithunyelwe kweli Candelo: Asset Management (For Attention: Mr DT Scholtz) kwaNdlunkulu. Ngokumalunga noku kucelwa nithathele ingqalelo okubhaIwe kule Setyhula 0028/2005 yowe-23 Novemba 2005.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku kulapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:11