1. ISebe leMfundo likazwelonke liqulunqa iziko ledatha yeefizi zezikolo nenye ingcaciso echaphazelekayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.
2. Le yisaveyi yesithathu yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo yaye iya kuqhutywa qho ngonyaka kule minyaka imbalwa izayo. Ukwenzela ukuba kuphuculwe isistim yokuqokelelwa kwedatha, kwagqitywa ekubeni kuqokelelwe idatha ngekhompyutha. Kwaye kwenziwa ifom yesaveyi kwi-CEMIS ekufuneka izaliswe zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Inkqubo yile ilandelayo:
2.1 Logisha kwi-CEMIS. Kukho umyalezo kwesinye sezikrini zokuvula ocebisa omakwenziwe.
2.2 Yisa ikhesa yakho kule ayithem yemenyu “Surveys” kwiCEMIS uklikhe ku-"School fee survey 2007".
  • Printa ngalinye lamaphepha eesaveyi (survey pages) uze ulinike inqununu. Inqununu ingawudlulisela komnye lo msebenzi wokuzalisa le saveyi, kodwa yiyo ethwele uxanduva lokuchaneka kwedatha enikiweyo.
  • Inqununu mayisayine amaphepha azalisiweyo, nekufuneka efakwe kwikhompyutha ngumsebenzi wesikolo ofaka idatha kwiCEMIS (school CEMIS capturer).
  • Le datha mayifakwe ngokuchanekile kwiCEMIS.
  • Umsebenzi ofaka idatha kwikhompyutha makaprinte amaphepha esaveyi azalisiweyo ngekhompyutha, awanike inqununu ukuze iwasayine ize ifayilishe amaphepha entsusa (original pages) namaphepha aprintiweyo apho esikolweni, njengoko asengafuneka ukulungiselela iinjongo zoku-oditha.
  • Makuzaliswe iphepha ELIBONISA UKUBA UGQIBILE (SIGN OFF page) kwiCEMIS. Umhla obonisa ukuba ugqibile uya kuboniswa ecaleni kwecandelo ngalinye lesaveyi.
  • Makuzaliswe isaveyi yekhompyutha engeniswayo.
3. Le saveyi mayifakwe kwikhompyutha sekusondele kakhulu umhla we-22 Agasti 2008 kangangoko kunokwenzeka. Inkqubela enxulumene nokuzaliswa kwesaveyi ekhompyutheni iya kubekwa esweni, njengoko le datha kufuneka ingeniswe kwiSebe leMfundo likazwelonke ukuze kube nokungeniswa iingxelo kuMphathiswa weMfundo kazwelonke.
4. Ziyabulelwa kusekwangoku iinqununu namagosa ngokungenisa kwazo isaveyi yekhompyutha yezikolo zazo yeeFizi zeSikolo ungadlulanga owe-26 Agasti 2008.
5. Idatha engezemali (financial data) mayingqinelane naleyo ebhalwe kwiingxelo-mali zonyaka eziphocothiweyo (annual audited statements) zika-2007.
6. Imibuzo emalunga nokuzaliswa kwale fom mayibhekiswe kwaba
Igama           Inombolo yefoni
Nks N Davids       021 467 2180
Mnu I Van Niekerk  021 467 2181
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ekwenzeni ngempumelelo le saveyi.


ISAYINWE: NGU- EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:01