1. Kucelwa ukuba nifunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweBhajethi 0004/2004 apho izikolo zikarhulumente namaziko emfundo oluntu aye acelwa ukuba azalise aze angenise ifom yesaveyi efana nale iqhotyoshelwe apha.
2. Ukwenzela ukuba kuhlaziywe iisistim zethu zolawulo lwengcaciso yaye kuqinisekiswe ukuphathwa nokulawulwa ngendlela eyiyo kwamaziko aphantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni, olu luhlu lukhoyo ngoku lwabaphicothi-zincwadi (auditors) luyaphicothwa. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zizalise le fom yesaveyi iqhotyoshelweyo zize ziyingenise ungadlulanga owe-31 Julayi 2008 kulo
Head:  Education
(For attention Director:  Management Accounting)
Western Cape Education Department 
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000		
Inombolo yefeksi: 021 467 2594
3. Iziko lemfundo ngalinye maliqinisekise ukuba ngaba umphicothi-zincwadi walo ubhalisile na kwelinye lamabhunga emisebenzi eyenziwa ngabaqeqeshiweyo (professional bodies) aboniswe kwifom yesaveyi amalungu awo athathwa ngokuba ngabaphicothi-zincwadi ababhalisiweyo ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ka-1996 (UMthetho 84 ka-1996) njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA) noMthetho weMfundo noQeqesho lwaBadala ka-2000 (UMthetho 52 ka-2000).
4. Amaziko asebenzisa abaphicothi-zincwadi ababhalisiweyo (ngokweZiqendu 43(1) nesi 43(2)(a) seSASA) makazalise icandelo A lefom kuphela.
5. Amaziko asebenzisa abaphicothi-zincwadi abangabhaliswanga, o.k.t. amaziko asebenzisa abantu ngokweSiqendu 43(2)(b) abangabhaliswanga phantsi kwelinye lala mabhunga emisebenzi eyenziwa ngabaqeqeshiweyo akhankanywe kumhlathi 3, makazalise icandelo B lefom kuphela. Kucelwa niqaphele ukuba aba baphicothi-zincwadi bangabhaliswanga mabenze isicelo ngokusemthethweni sokuvunyelwa ukuphicotha iirekhodi zeemali zezikolo. Izikolo ezingekafumani mvume elolu hlobo, mazenze isicelo ngoko nangoko ziqale zisidlulise kwii-ofisi zazo zezithili zemfundo.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:23

iForm:  "Survey of auditors for educational institutions"  (ubukhulu: 32 KB)