1. |
INgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweMali 0007/2007, yowe-19 Novemba 2007, yazisa bonke abachaphazelekayo ngokuqaliswa kwekhosi elilinge eya kukhokelela ekufumaneni iSatifikethi soLawulo lweMicimbi yeSikolo (School Business Management) (CSBM)). Kule khosi kuya kwamkelwa abantu abayi-150 kwaye kwacelwa nabaqeshwa be-WCED abasezikolweni abangezotitshala ukuba bafake izicelo zokwamkelwa.
|
2. |
Kodwa kuthe ngenxa yeemeko ebezingalindelekanga ngokumalunga nokubhalisela i-CSBM, kwafuneka ukuba ikhe imiswe le khosi kude kube phakathi ku-2008. Le khosi elilinge, neya kuqhuthwa ithuba elingange-±13 yeenyanga, iya kuphela ngoku ngo-Agasti okanye ngoSeptemba 2009.
|
3. |
Njengangoku kusahluzwa izicelo ezafika ungadlulanga umhla ezazilindeleke ngawo njengoko kukho ngaphezu kwesiqingatha sabenzi-sicelo abangazange baqhoboshele bungqina beziqinisekiso zabo. Inkqubo yokukhetha abenzi-sicelo abafanelekileyo iza kuqaliswa emva koku. Abenzi-sicelo abangafumananga mpendulo de wagqitha owe-25 Apreli 2008 mabazithathe njengabangaphumelelanga.
|
4. |
Kuya kuqhagamshelwana nabenzi-sicelo abaphumeleleyo ekuyeni ekupheleni kuka-Apreli 2008 kwaye kuya kwenziwa amalungiselelo eentlanganiso nabo kunye neenqununu zezikolo zabo ukucacisa ngamalungiselelo ekusafuneka enziwe kwanokuqhutywa kwekhosi.
|
5. |
Baya kucelwa kwakhona abaqeshwa ukuba benze isicelo sokwamkelwa kwikhosi ye-CSBM ngo-2009. Enye imbalelwano ngokumalunga noku iya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo kwikota yesithathu ka-2008.
|
6. |
Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane naba basebenzi balandelayo abajongene nolawulo ezikolweni (school-based management staff) kwii-ofisi zabo zezithili:
Metro Central: Mr R Mehl tel. 021 659 4300
Metro East: Mr H Jenecker tel. 021 900 7000
Metro North: Ms A Jordaan tel. 021 938 3000
Metro South: Mr J Benjamin tel. 021 370 2000
Cape Winelands: Mr B Kafaar tel. 023 348 4600
Eden & Karoo: Ms L Jacobs tel. 044 803 8300
West Coast: Ms W Windvogel tel. 021 860 1200
|
7. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU- ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:15
|