1. |
Kuqapheleke ukuba kukho iskim sobuqhophololo bosetyenziso lweemali zesikolo esasikhankanywe kwiNgcaciso eMfutshane yoLawulo lweBhajethi 0005/2005 (Budget Management Minute 0005/2005) ka-Oktobha 2005. Izikolo ezibini kutshanje ziye zangamaxhoba eskim sobuqhophololo esilolu hlobo esiqhubekayo ngoku. Uyacelwa ukuba uqaphele le ndlela basebenza ngayo (modus operandi) abenzi bobuqhophololo ukuphepha ukuba ungathathelwa ngobuqhophololo iimali zesikolo:
|
1.1 |
Kwenziwa intlawulo yobuqhophololo kwi-akhawunti yesikolo.
|
1.2 |
Umenzi wobuqhophololo uye emva koko afonele isikolo, azenze ummeli wequmrhu likarhulumente, athi kwenziwe intlawulo ngempazamo kwi-akhawunti yesikolo aze acele ukuba makayibuyiselwe loo mali ngoko nangoko. Uye anike iphetshana lokufaka imali ebhankini njengobungqina.
|
1.3 |
Sakuba nje isikolo eso siyihlawule imali kwi-akhawunti ekhankanyiweyo, intlawulo yobuqhophololo iyahlatywa (cancelled).
|
2. |
Ziyabongozwa izikolo ukuba, xa ziye zafumene ifoni elolu hlobo, ziqaphele ezi zinto zilandelayo:
|
2.1 |
Zisijonge nasiphi na isicelo sokubuyiselwa imali ngeliso elikrokra kakhulu.
|
2.2 |
Okudla ngokwenzeka kolu lwaphulo-mthetho kukufakwa kwetshekhi ebhankini ngobuqhophololo, okuye kulandelwe liphetshana eliveliswa ngekhompyutha njengobungqina. Thetha nebhanki yakho uqinisekise ukunyaniseka kwemali efakiweyo.
|
2.3 |
Linda ixesha lesiqhelo lokuhlawulwa kwetshekhi yibhanki phambi kokucinga ngentlawulo yokubuyisela nayiphi na idiphozithi eyenziwe ngetshekhi.
|
2.4 |
Nakuphi na ukufakwa kwemali kwi-akhawunti yesikolo kumele kuphandisiswe phambi kokuba kucingwe ngayo nayiphi na intlawulo eyimbuyiselo.
|
2.5 |
Ungavumeli xinzelelo lokuba wenze naziphi na iintlawulo okutshiwo ngabantu abathi basuka kumaziko anjenge-SARS, u-Telkom okanye u-Eskom.
|
3. |
Uyacelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
4. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga nalo mba.
|
ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:11
|