1. Njengoko senisazi ncam, uMjikelo we-SPMDS 2007-2008 uphele nge-31 Matshi 2008 kwaye ubumele ukuba sowuphakathi ekuzaliseni amaxwebhu afanelekileyo.
2. Inkqubo yokumodareyitha iyimfuneko ukuqinisekisa ukuba uku-apreyiza kuyafana kwiSebe leMfundo liphela kwaye kuthathelwa ingqalelo abo bakufaneleyo oku.
3. Ukuze sikwazi ukubeka esweni nokuphonononga kakuhle le nkqubo, kwakunye nokuhlenga-hlengisa imivuzo (salary adjustments) okufanelekileyo, o.k.t. uchatha wemivuzo (pay progression) neebhonasi zentsebenzo (ukuba imali iyafumaneka), kufuneka sithumele onke amaxwebhu kwaNdlunkulu.
4. Ukukwenzela lula, la maxwebhu afunekayo adweliswe apha ngezantsi:
  1. ISihlomelo A: The Individual Performance Plan (IsiCwangciso seNtsebenzo soMqeshwa ngaMnye)
  2. ISihlomelo B: The Individual Development Plan (IsiCwangciso soPhuhliso soMqeshwa ngaMnye)
  3. ISihlomelo C: The TWO Quarterly Reviews for the 2007-2008 Cycle (IiRiviyu zaQho ngeKota EZIMBINI ukulungiselela uMjikelo ka-2007-2008)
  4. ISihlomelo D: The Annual Appraisal (I-Apreyizali yaQho ngoNyaka, enovavanyo lokugqibela lonyaka)
  5. ISihlomelo E: A signed certificate for each employee (Isatifikethi esisayiniweyo somqeshwa ngamnye) esibonisa ukuba ngaba intsebenzo yomqeshwa yamkelekile na okanye akunjalo. Oku kuya kunceda ekukhawuleziseni umbandela wochatha wemivuzo.
  6. ISihlomelo I: Kucelwa uqaphele ukuba wena, njengesuphavayiza, kufuneka unike izizathu ezibhaliweyo, ezisekelwe kubungqina obuqokelelwe unyaka wonke, kwiimeko apho uvumelanayo novavanyo olubeka umqeshwa kuhlelo lwabantsebenzo iNcomekayo (4) okanye iGqwesileyo (5).

5. Uyacelwa kwakhona ukuba wenze ngqo ezi zinto zilandelayo ngenyameko enkulu:
  1. Kucelwa uqinisekise ukuba onke amaxwebhu asayiniwe aze abhalwa umhla.
  2. Thembakala yaye unyaniseke kwireyithingi yakho yabaqeshwa uze ususele uvavanyo lwakho kwintsebenzo yonyaka wonke.
  3. ULwabiwo lwaManqaku oluQhelekileyo ludla ngokubonisa ukuba kuphela yi-20% yabaqeshwa abantsebenzo yabo iye itshatshele, oko kungathethi ukuba abanye abasebenzi nzima. Abo bantsebenzo yabo itshatsheleyo bayavelela kwabanye yaye uninzi lwabaqeshwa luyazi ukuba ngoobani na abo bahlukileyo kwabanye.
  4. Ngako oko ke, musa ukureyitha abaqeshwa ngokufanayo njengabantsebenzo ingaphezu komndilili ngaphandle kokuba unako ukubonisa irekhodi yentsebenzo engaphezulu komndilili okokoko. Kwakhona, ngokureyitha bonke abasebenzi bakho ngokufanayo, uyavuma ukuba imigangatho yakho ifuna ingqwalaselo, kwaye ngokwenjenjalo, ubadlela indlala abo bafanele ukuthathelwa ingqalelo ngentsebenzo yabo etshatsheleyo.
  5. Khumbula ukuba, kuphela ngabo basebenzi batshatshele ngokukodwa, bengqinelwa bubungqina obucacileyo, abanokuzuza ibhaso lemali ethe chatha.
  6. Kucelwa uqaphela ukuba akuyi kukhethwa mntu ontsebenzo ingaphezu komndilili ngaphandle kokuba oko kukhatshwa zizizathu ezivokothekileyo ezikungqinayo oko nezibhaliweyo ezikhankanywe ngaphambili kolu xwebhu.
6. Eyona njongo iphambili ye-SPMDS emayifikelelwe asikokunabisela amabhaso ayimali kubantu abathile abakhethiweyo, koko kukufaka igalelo ekuhlumeni nakuphuhliso lomqeshwa ngamnye ukuze ngaloo ndlela kukhuthazwe ukusebenza kweziko okugqibeleleyo.
7. Umhla wokungeniswa kweerekhodi zakho, njengoko ubonisiwe kwikhalenda yesikolo, yi-30 Apreli 2008. Nakuba kunjalo, lo mhla uye wahlehliselwa i-30 Meyi 2008 kwaye kufuneka amaxwebhu athunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
For attention: The SPMDS Officer (Room 10-19)
Directorate: Internal Human Capital Management
Western Cape Education Department
Private Bag Bag X9114
Cape Town
8000

8. Ngelishwa, amaxwebhu angeniswe emva kwexesha aya kufumana isohlwayo kwaye kuya kufuneka iisuphavayiza zinike inkcazo ngokungeniswa kade kwala maxwebhu.
9. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ekuqukumbeleni le nkqubo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
10. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho.


ISAYINWE: NGU-M CRONJE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:15