1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazi ngokubaluleka kokunika abasebenzi balo iingcebiso eziyimfuneko nokubanika inkxaso yokuba balandele indlela yokuphila ebagcina bekwentle yona impilo. Ngenxa yoku, iSebe iWCED liqalise iProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yokunika abaqeshwa uncedo xa kufuneka bejongene nemingeni yobomi neentlekele zobomi. Le program igxininisa imfuneko yokuqulela ingxaki ingekehli (proactive) ukwenzela ukuba uhlale ugcine impilo yakho intle kwaye ulandele indlela yokuba uhlale ukwentle impilo.
2. ISebe iWCED lenze amalungiselelo eprogram yoSuku lweMpilo Qete yabo bonke abasebenzi abakwiSithili se-Metro Central. Oku kuya kuqhubeka ukususela ngo-12:00 kuye kutsho nge-15:30 ngoLwesine we- 22 Meyi 2008 e-Athlone Civic Center ekudibaneni kwe-Eland neProtea Roads e-Athlone.
3. Kuya kubonelelwa ngeenkonzo zamahala, ekukho phakathi kwazo, ezi zilandelayo:
  • Ukwaziswa ngeenkonzo zofumana iingcebiso (awareness of counselling services)
  • Ukwaziswa ngesifo seThibhi (TB awareness)
  • Ukwaziswa nge-HIV/AIDS
  • Ukwaziswa ngosetyenziso gwenxa lweziyobisi (substance abuse awareness)
  • Ukutshekishwa ikholesterol (Cholesterol check)
  • Ukutshekishwa uxinzelelo lwegazi oluphezulu kakhulu (Hypertension)
  • Ukwaziswa ngokutshekishwa incindi yesibeleko (Pap smear)
  • Ukwaziswa ngomhlaza webele (Breast cancer examination)
  • Iingcebiso ngokondla umzimba
  • Itheraphi yokumasajwa ngokupheleleyo (holistic massage therapy)
  • Ukunyamekelwa kweenzipho nezandla (nail and hand care)
  • Iibhegi ezizele zizipho ezithandekayo (goodie bags)
4. Ngamnye umsebenzi uya kufuna phantse imizuzu engama-25 ukuxhamla kwezi nkonzo zalo mhla weMpilo Qete.
5. Iya kuthakazelelwa into yokuba abaphathti babasebenzi benze amalungiselelo okuba bonke abasebenzi bazisebenzise ezi nkonzo zamahala, lo gama beqinisekisa ukuba zonke iinkonzo ezibalulekileyo ziqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka.
6. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED kwiSithili se-Metro Central okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- M CRONJE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:12