1. Njengenxalenye yokuphuhliswa kombono wethu othi “IKhaya loMntu Wonke,” iSebe leNkulumbuso (KwiCandelo leeSaveyi zokuChonga iiNgxaki) liqhuba uphando ngobuhlanga nokuqala ugwebe (prejudice) ngaphakathi kwi-PGWC, ukususela ngoFebruwari ukuya kuJuni 2008. Iinjongo zale saveyi kukujonga ubuhlanga nokuqala ugwebe ngaphakathi kwi-PGWC, nokuqonda ukuba ngubani na ofumana oku nokuba oku kuyichaphazela njani intsebenzo yethu. Uya kwaziswa ngeziphumo zesishwankathelo ngoSeptemba 2008 kwaye ziya kusetyenziselwa ukuvelisa iingcebiso eziya kuba ngumkhomba-ndlela.
2. Abacebisi bangaphandle, u-Telos Partners SA, baya kuqhuba isaveyi yaye baya kusebenzisa amaqela aza kujongana nemiba ethile (focus groups). Oku kuya kuqinisekisa ukugcina izinto ziyimfihlo, ukungathathi cala nokunyaniseka.
3. Kukhethwe isampula eyi-3% yeqela labaqeshwa be-WCED eliya kucelwa ukuba libe yinxalenye yamaqela aza kujongana nemiba ethile (focus groups). Eli qela liyisampula emele uhlanga, isini namanani okuhlelwa kwezikhundla ze-WCED. Abantu abakula maqela aza kujongana nemiba ethile baya kucelwa ukuba bazalise ikhweshine baze baye kwiseshoni yeengxoxo. Yonke ingcaciso neembono eziqokelelweyo aziyi kuchazwa ukuba zivela kubani na.
4. Siya kukhuthaza ukuba uye ukuba ukhethiwe, kwaye, ukuba akukhethwanga, siya kucela ukuba uxhase abo basebenzi bakhethiweyo.
5. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga nale projekthi yezophando, uyacelwa uqhagamshelane nomphathi weprojekthi, uLouise Esterhuyse apha lsesterh@pgwc.gov.za ngale nombolo yefoni 021 466 9500, okanye uCindylou Davids apha cidavids@pgwc.gov.za okanye ngale nombolo yefoni 021 466 9500.


ISAYINWE: NGU-NA DANIELS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:07