1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyavuma ukuba inkqubo yoHlenga-hlengiso (Redesign process) ibe lithuba loxinzelelo kuninzi lwabaqeshwa balo, nto leyo ebangele ukungaqiniseki nonxunguphalo kubo, kwiimeko ezithile.
2. ISebe iWCED ke ngoko lilungiselele inkqubo yongenelelo ngoncedo yamaqela enkxaso kumaziko ukulungiselela bonke abaqeshwa abasezi-ofisini ukuze bancedwe ekubeni bamelane baze balungele iimeko zabo ezithe zatshintsha ngenxa yoHlenga-hlengiso.
3. Amaqela ongenelelo ngoncedo anenjongo yokukhuthaza abaqeshwa ukuba bachaze, baqonde baze bakhuphe izimvo zabo ngemiba ebaxhalabisayo malunga neenguqu nokubomeleza ukuze bakwazi ukuzilawula ezi nguqu zinokwenzeka. Ungenelelo ngoncedo luya kubandakanya ingxoxo yeyure enye, kuze emva koko kubekho iiseshoni zabantu ngabodwa ezenziwa kumaziko ezinika ingcaciso, neziya kwenziwa ngokuzithandela.
4. Amaqela enkxaso ongenelelo ngoncedo anyanzelekile kubaqeshwa abasezi-ofisinikwaye kuluxanduva lomlawuli ngamnye ukuqinisekisa ukuba abaqeshwa kumacandelo abo bayaya kula maqela ngemihla nangamaxesha achaziweyo.
5. Ishedyuli yala maqela iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane.
6. Bayacelwa abalawuli ukuba bangenise amagama abaqeshwa abaya kuya kwezi seshoni zamaqela ungadlulanga owe-31 Januwari 2008.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu yokwenza olu ngenelelo ngoncedo lube yimpumelelo.


ISAYINWE: NGU-S. CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:18

District schedule: Redesign  (ubukhulu: 26 KB)
Head office: Redesign  (ubukhulu: 24 KB)
FORM: Details of attendees  (ubukhulu: 32 KB)