1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazi ngokubaluleka kokunika abasebenzi balo iingcebiso eziyimfuneko nokubanika inkxaso yokuba balandele indlela yokuphila ebagcina bekwentle yona impilo. Ngenxa yoku, iSebe iWCED liqalise iProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yokunika abasebenzi uncedo xa kufuneka bejongene nemingeni yobomi neentlekele zobomi. Le program igxininisa imfuneko yokuqulela ingxaki ingekehli (proactive) ukwenzela ukuba uhlale ugcine impilo yakho intle kwaye ulandele indlela yokuba uhlale ukwentle impilo.
2. ISebe iWCED lenze amalungiselelo eprogram yoSuku lweMpilo Qete yabo bonke abasebenzi balo abakwiSithili seMfundo i-West Coast. Oku kuya kuba ngoLwesine we-21 Agasti 2008 ukususela ngo-13:00 -17:00. Indawo eziza kuba kuyo ezi nkonzo isaza kwaziswa.
3. Kuya kubonelelwa, phakathi kwezinye izinto, ngezi nkonzo zamahala zilandelayo:
  • Ukwaziswa ngeenkonzo zofumana iingcebiso (awareness of counselling services)
  • Ukwaziswa ngesifo iThibhi (TB awareness)
  • Ukwaziswa nge-HIV/AIDS
  • Ukwaziswa ngosetyenziso gwenxa lweziyobisi (substance abuse awareness)
  • Ukutshekishwa ikholesterol (Cholesterol check)
  • Ukutshekishwa uxinzelelo lwegazi (Hypertension)
  • Ukwaziswa ngokuxilongwa incindi yesibeleko (Pap smear)
  • Ukwaziswa ngokuxilongelwa umhlaza webele (Breast cancer examination)
  • Iingcebiso ngokondla umzimba
  • Itheraphi yokumasajwa ngokupheleleyo (holistic massage therapy)
  • Ukunyamekelwa kweenzipho nezandla (nail and hand care)
  • Iibhegi ezizele zizipho ezithandekayo (goodie bags)
4. Ngamnye umsebenzi uya kufuna phantse imizuzu engama-25 ukusebenzisa ezi nkonzo zeli ziko leMpilo Qete.
5. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuba abaphathi babasebenzi bangenza amalungiselelo okuba bonke abasebenzi baye kwezi nkonzo zamahala, lo gama beqinisekisa ukuba iinkonzo ezibalulekileyo ziqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka.
6. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED kwiSithili seMfundo i-West Coast okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- S CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:01