1. |
INkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) (NCS) kumaBakala 10 - 12 (Izifundo Ngokubanzi) njengangoku iphunyezwa ngezigaba ngezigaba ukususela ngo-2006 ukuya ku-2008. Njengoko inani elikhulu lootitshala beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) abaqeshwe isigxina bengenaqeqesho lupheleleyo (under-qualified) kwezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla, iSebe i-WCED liya kwenza uqeqesho kootitshala abamalunga ne-70 ukwenzela ukuba bakwazi ukuphucula ulwazi lwabo lwesifundo nezakhono zokufundisa kwezi zifundo.
|
2. |
Ikhosi ye-ACE iya kufundiswa njengekhosi eyenziwa emva kweeyure zomsebenzi (part-time) ukususela ngoJanuwari 2009 ukuya kuDisemba 2010. Iya kukhokelela kwisiqinisekiso seNqanaba 6 leNQF kwaye idibanise iindlela zombini, eyokufunda ngembalelwano nokufunda eklasini ngeempela-veki nangeeholide zesikolo.
|
3. |
IYunivesithi yaseStellenbosch iya kubonelela ngale khosi.
|
4. |
ISebe i-WCED libonelela ngeebhasari ezihlawulela iifizi zokufunda nezokubhalisela iikhosi zombini. Ngethuba leeseshoni zokufunda eklasini, malunga ne-15 lootitshala kwisifundo ngasinye abavela kwiindawo ezisemaphandleni kuphela abaya kufumana indawo yokulala ngeendleko eziya kuhlawulwa yi-WCED kwiindawo zokuhlala zabafundi eYunivesithi yaseStellenbosch.
|
5. |
Iindleko zohambo ukuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulelwa yi-WCED. Ootitshala baya kuzihlawulela iindleko zeencwadi nezezinto zokuncedisa ukufunda.
|
6. |
Kuya kukhethwa kule program ootitshala abayi-70 belonke, malunga ne-35 kwikhosi nganye.
|
7. |
Aba titshala balandelayo bafanelekile ukufumana iibhasari zezi khosi:
- Ootitshala abaqeshwe isigxina liSebe iWCED (Kuya kukhethwa ootitshala abafundisa njengangoku ezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla kumaBakala 10 - 12.)
- Ootitshala abanediploma yeminyaka emithathu
- Ootitshala abanesidanga nesiqinisekiso soqeqesho, kodwa bengenaso isiqinisekiso esifundelweyo kwezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla
- Ngokumalunga nekhosi ye-ACE kwiFizikhali Sayensi (Pyhsical Science), kufuneka ootitshala babe bapase iFizikhali Sayensi neMathematika kwiMatriki nokuba ngaba kukwiHlelo eliPhezulu okanye eliPhakathi (either the Higher or Standard Grade).
- Ngokumalunga nekhosi ye-ACE kwiiSayensi zoBomi (Life Sciences), kufuneka ootitshala babe bapase iiSayensi zoBomi kwiMatriki, ubuncinane kwiHlelo eliPhakathi. (Kucetyiswa kakhulu ukuba babe bapase iFizikhali Sayensi.)
|
8. |
Ikhosi iya kubandakanya le miba ilandelayo yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yeMfundo yeFET (kumaBakala 10 - 12) kunye/okanye i-RNCS (GET):
- Imigaqo ye-NCS kunye/okanye ye-RNCS
- Iziphumo zokufunda nemigangatho yovavanyo
- Iinkalo zolwazi (knowledge areas)
- Indlela yokufundisa imfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based methodology) (iindlela zokufunda, zokufundisa nezovavanyo)
- Ukukhethwa kwezinto zokuncedisa ukufunda (support material), kubandakanywa ne-software yekhompyutha
|
9. |
Iiseshoni zokufunda eklasini ziya kuqhubeka ngeeholide yaye iseshoni yokuqala yokufunda eklasini iya kuqhubeka ngoJanuwari 2009.
|
10. |
Ootitshala abanqwenela ukwenza isicelo sebhasari mabazalise ifom yesicelo eqhotyoshelweyo baze bayingenise kwiSebe leMfundo, kodwa ziqale zidlule kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesihlanu, we-8 Agasti 2008:
Head: Education
(Attention Mr TP Davids, Room 8-79A)
Directorate: Internal Human Capital Management.
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
|
12. |
Kucelwa niqaphele ukuba
- akukho zicelo zifike emva kwexesha, zingabhalwanga zonke iinkcukacha, okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa; yaye
- akukho zicelo zithunyelwe ngefeksi ziya kuqwalaselwa.
|
Kucelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:01
|