1. |
ISebe iWCED linovuyo ukwazisa ukuba kuza kufumaneka iibhasari ezingama-50 kootitshala abanqwenela ukufunda bafumane i-Advanced Certificate in Education (ACE) in School Librarianship.
|
2. |
Amashumi amabini anesihlanu eebhasari aya kulungiselelwa izifundo zasemva kweeyure zomsebenzi (part-time studies) ngethuba lokuqhubeka kwekota, ukulungiselela ootitshala abasemaphandleni (iQela 1). Iibhasari ezisaleleyo ziya kwabiwa ngohlobo lokuba kuziwe kwiikhosi ngethuba leeholide zesikolo, zize zilungiselele ngakumbi ootitshala abasuka emaphandleni (iQela 2).
|
3. |
Injongo yale khosi kukuphucula iziqinisekiso zootitshala ekuququzeleleni nasekulawuleni (organisation and management) iilayibrari zezikolo.
|
4. |
Le khosi yenzelwe ootitshala abangenazo iziqinisekiso kwi-School Librarianship nabanomdla kuphuhliso lweelayibrari zezikolo.
|
5. |
Le khosi ye-ACE iya kufundiswa emva kweeyure zomsebenzi ukususela kuJulayi 2008, ithuba leminyaka emibini. Iya kukhokelela kwisiqinisekiso seNqanaba 6 le-NQF.
|
6. |
Ibhasari nganye iya kuhlawulela iifizi zokufunda nokubhalisa, kwakunye neefizi zendawo yokuhlala zootitshala abasuka emaphandleni.
|
7. |
Iindleko zothutho ukuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa yi-WCED.
|
8. |
Ikhosi le iya kufundiswa yiYunivesithi yaseNtshona Koloni.
|
9. |
Iseshoni yokuqala yokufundiswa eklasini kwamaqela omabini (asemaphandleni nasezidolophini) iya kuqhubeka kwiveki ye-7 to 11 Julayi 2008.
|
10. |
Aba balandelayo baya kukhethwa kuqala kwinkqubo yokukhetha:
- Ootitshala abangenaso isiqinisekiso selayibrari
- Ootitshala abasuka emaphandleni ukuba bamkelwe kwiQela 2.
|
11. |
Kucelwa ukuba ootitshala abanqwenela ukuba izicelo zabo ziqwalaselwe ngenjongo yokuba bafumane ibhasari yekhosi bazalise iziHlomelo A no- B baze bazingenise kwiSebe leMfundo, kodwa ziqale zidlule kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo ungadlulanga uLwesihlanu, we- 30 Meyi 2008:
The Head: Education
For attention: Mr G de Bruyn (Room 8-78)
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
Izicelo zinokufakwa kwakhona ebhokisini ephawulwe “ACE School Lib” ebekwe kwifoya yomnyango omkhulu kwaNdlunkulu we-WCED e-Grand Central Towers, Cape Town.
|
12. |
Iikopi zezi fom ziyafumaneka kwakhona kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo (Client Services) e-WCED kumgangatho wesibini e-Grand Central Towers, Cape Town.
|
13. |
Kucelwa uqaphele ukuba
- akukho zicelo zifike emva kwexesha elisikiweyo, zingazaliswanga zonke iinkcukacha okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa;
- kuphela ngamaxwebhu entsusa (original documents) okanye iikopi zawo eziqinisekisiweyo eziya kwamkelwa; kwaye
- akukho zicelo zithunyelwe ngefeksi ziya kwamkelwa.
|
14. |
IKomiti yeBhasari iya kuziqwalasela zonke izicelo ize izibeke ngokweemfuno eziphambili (prioritise), emva koko yenze iingcebiso malunga nokunikwa kweebhasari.
|
15. |
Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano emiselwe ngokomgaqo ne-WCED ukuba anike inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye athe wanikwa ngawo ibhasari, nokuba athobele neminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano leyo.
|
16. |
Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU- G DE BRUYN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:12
|