1. UMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo ukhuphe umyalelo wokuba bonke abaqeshwa abatsha (abalingwa abaqeshwe isigxina) kwinkonzo karhulumente mabaziswe ngomsebenzi nangeemfundiso ezisisiseko ezinxulemene nenkonzo karhulumente, yaye banikwe ulwazi ngendima karhulumente, iinjongo zakhe, izitrakhsha zakhe nemigaqo-nkqubo ebalulekileyo. Ngenxa yoku, kuye kwaqaliswa iprogram emiselweyo enyanzelekileyo yokuqhelwaniswa nomsebenzi kwabo bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente (kungabandakanywanga ootitshala).
2. Lo myalelo uqale ukusebenza ukususela nge-01 Apreli 2008. Ngoko ke abaqeshwa abaqeshwe okokuqala kwinkonzo karhulumente ngomhla okanye emva kowe-01 Apreli 2008 (abalingwa abaqeshwe isigxina) mabathi, kwiinyanga ezintandathu ukususela kumhla wokuqeshwa kwabo, baye kule program emiselweyo yokuqhelwaniswa nomsebenzi. Aliyi kungqinwa ithuba lobulingwa (probation period) bomqeshwa omtsha ngaphandle kokuba umqeshwa abe uyile kule program yokuqhelwaniswa nomsebenzi.
3. Kuya kubakho iikhosi ezahlukeneyo zeentsuku ezimbini zamanqanaba 1-5 no-6-12 ngokulandelelanayo kwiindawo ezahlukeneyo. Abaqeshwa abasanda kuqeshwa baya kwaziswa ngemihla, amaxesha neendawo zezi khosi. Ukuza kule khosi kuya kulungiselelwa ngendlela yokuba kube yinxalenye yesicwangciso sentsebenzo nesicwangciso sophuhliso somqeshwa ngamnye (individual performance plan (IPP) and individual development plan (IDP.))
4. Nayiphi na imibuzo emalunga neprogram enyanzelekileyo yokuqhelwaniswa nomsebenzi mayibhekiswe kuGqr FJ Wessels kule dilesi ye-imeyili fwessels@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2568.


ISAYINWE: NGU-GC DE BRUYN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:15