Umhla:2 ne-3 Oktobha 2008
Indawo:Cape Teaching and Leadership Institute, 
Nooiensfontein Road, Kuils River
Amaxesha:2 Oktobha:  09:00 - 17:00
3 Oktobha:  08:30 - 14:00
Ngubani omakaye?  Ngootitshala beMathematika bamaBakala R - 9   
1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe i-WCED) licela ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika (Mathematics Solutions Conference) nokuba badlale indima njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye njengabathathi-nxaxheba (participants).

2. Injongo
Injongo yale nkomfa kukunika imizekelo yeendlela ekunokufundiswa ngayo iMathematika ngempumelelo.

3. Ingcaciso elungiselelwe aBenzi beNkcazo-ntetho (Presenters)
3.1 Ootitshala abanomdla ekunikeni isifundo seMathematika okanye ekuthatheni inxaxheba kulo masifundisane “a best practice“ (“eyona ndlela ingcono yokufundisa”) oza kuqhutywa kule nkomfa kufuneka bakhokelwe zezi zinto zilandelayo:
  • Isifundo okanye iphepha okanye umasifundisane othi ”How I teach it” (“Indlela endiyifundisa ngayo”) makasekelwe kwiMathematika yamaBakala R - 9 yeNkcazelo yeKharityhulam kaZwelonke (Grades R to 9 Mathematics National Curriculum Statement).
  • Isifundo sifanele ukufundisa umba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.
  • Abathathi-nxaxheba kufuneka bathathe inxaxheba kwisifundo okanye kumasifundisane.
  • Ubude bexesha: ngama-60 emizuzu. Nika imizuzu emi-5-10 ukulungiselela ingxoxo yamaqela okanye imibuzo.
  • Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo onako ukuzifunqula, i-ovahedi projektha nebhodi.
  • Zonke iiwekhishithi (worksheets) zenkomfa ziya kuqokelelwa ziprintwe zenziwe incwadana. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi.
  • Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zichwethezwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza (laser), ukuba kunako. ISebe i-WCED liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
3.2 Ukuba unomdla wokwenza ingcaciso-ntetho ngomba othile nge-10 okanye i-11 Oktobha, uyacelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usithumele ngefeksi kuMnu A. Lamprecht ngale nombolo yefeksi 021 900 5175 okanye usithumele kuye nge-imeyili apha alamprec@pgwc.gov.za, ungadlulanga owe-30 Apreli 2008.

4. Ingcaciso elungiselelwe aBathathi-nxaxheba
4.1 Ootitshala abanganqweneli kwenza nkcazo-ntetho ngomsebenzi wabo, kodwa benqwenela ukuya kwinkomfa, bayacelwa bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizalisiweyo masibuyiselwe kuMnu A. Lamprecht ngale dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za okanye kuKnkszn G Matthews ngale dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye sifekselwe apha 021 900 5175, ungekadluli owe-31 Julayi 2008.
4.3 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iingxoxo zephaneli yeplinari neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye (parallel sessions) ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisela inkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungadlulanga owe-25 Septemba 2008.

5. Amalungiselelo
Abathathi-nxaxheba okanye abenzi nkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yaseCape Teaching and Leadership Institute ngokuhlwa kwangoLwesine, we-2 Oktobha 2008. Indawo yokuhlala iya kuhlawulwa liSebe i-WCED. Iindleko zokuhamba aziyi kuhlawulwa liSebe i-WCED.

6. ISebe i-WCED linethemba lokuba kuya kuvunwa lukhulu kule nkomfa ngabo bonke ootitshala beMathematika abaya kuya kuyo.


ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:09


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.  Sebenzisa i-MS Word®  ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
ISIHLOMELO A:  IFOM YOMENZI NKCAZO-NTETHO  (ubukhulu: 38 KB)
ISIHLOMELO B:  ULUHLU LWABATHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 44 KB)