1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) likuxabisile ukuzimisela kootitshala bethu ekwandiseni ulwazi lwabo ngezinto eziqhubekayo kwezemfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo zokufundisa.

2. I-WCED izimisele ukuncedisa ootitshala ngemali yokufunda kwabafunda ngokungesosigxina ukuze bakwazi ukufumana isidanga esilandela esokuqala, i-B Ed Hons, besenza izifundo zokufunda nzulu ngenkalo ethile (specialising) kuyo nayiphi inkalo yezemfundo, ngaphandle kwezifundo zolawulo lwesikolo.

3. Bayacelwa ootitshala abasebebhalisele unyaka wezifundo ka-2008 ukuba bafake izicelo zokuncediswa ngemali eyibhasari yexesha elisaseleyo enyakeni (iminyaka esaseleyo) yokufundela ukugqiba isidanga se-B Ed Hons.

4. Ukunikwa ibhasari kuxhomekeke ekubeni umenzi-sicelo
  • ungumfundi obhalisileyo nokuba kukwiziko lemfundo ephakamileyo elivunyiweyo eliseNtshona Koloni okanye e-UNISA;
  • ukunyaka wakhe wokuqala okanye wesibini wezifundo;
  • ungutitshala oqeshwe isigxina yi-WCED;
  • akukho bhasari karhulumente ayifumeneyo njengangoku okanye nayiphi enye ibhasari; yaye
  • ungummi waseMzantsi Afrika.
Le bhasari iya kuhlawula kuphela iifizi zokubhalisa neefizi zokufunda.

5. Isicelo ngasinye sebhasari kufuneka sibe nala maxwebhu alandelayo:
  • Ifom ezalisiweyo yesicelo sebhasari yokufunda (isiHlomelo A)
  • Ifom ezalisiweyo yemvumelwano (isiHlomelo B)
  • Ubungqina bokuba ubhalisele unyaka wezifundo 2008
  • Ubungqina obubhaliweyo beendleko zezifundo, o.k.t. iifizi zokubhalisa neefizi zokufunda, zonyaka wezifundo 2008 (Le ngcaciso iya kufumaneka kwiziko lemfundo ephakamileyo obhalise kulo.)
6. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesine, we-12 Juni 2008:
Head: Education
(For attention: Mr TP Davids)
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town 
8000
Izicelo zingafakwa kwibhokisi ephawulwe “B Ed Hons” kwifoya yomnyango omkhulu kwaNdlunkulu we-WCED e-Grand Central Towers, e-Cape Town.

7. Iifom zezicelo neefom zemvumelwano ziqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane. Iikopi zezi fom ziyafumaneka kwakhona kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo le-WCED kumgangatho wesibini e-Grand Central Towers, e-Cape Town.

8. Kucelwa uqaphele ukuba
  • akukho zicelo zifike emva kwexesha, zineendawo ezingazaliswanga okanye zingafundekiyo ziya kunikwa ingqwalaselo;
  • kuphela ngamaxwebhu entsusa okanye iikopi zawo ezingqiniweyo aya kwamkelwa; kwaye
  • akukho zicelo zithunyelwa ngefeksi ziya kwamkelwa.
9. IBhasari yeKomiti iya kuthathela ingqalelo ize ibeke phambili ngokokubaluleka zonke izicelo, ize emva koko yenze iingcebiso malunga nokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ezi bhasari ayisayi kudlula kwimali iyonke yeefizi zobhaliso nezezifundo, kodwa oko kungathethi ukuba ziya kuhlawulwa zonke iifizi. Inani labenzi-sicelo elamkelweyo nemali efumanekayo iya kuba zizo eziya kwenza kufikelelwe esigqibeni ngenani leebhasari ezikhushwayo.

10. Umenzi-sicelo ngamnye ophumeleleyo kuya kulindeleka ukuba angene kwimvumlwano ne-WCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye anikwe ngawo ibhasari, nokuba athobele eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.

11. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:16

ISIHLOMELO A:  ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 110 KB)
ISIHLOMELO B:  Agreement  (ubukhulu: 16 KB)