1. INkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) (NCS) kumaBakala 10 - 12 (Izifundo Ngokubanzi) njengangoku iphunyezwa ngezigaba ngezigaba ukususela ngo-2006 ukuya ku-2008. Ukuqaliswa koLwazi ngezoBomi njengesifundo esingundoqo kwicandelo le-FET kufuna ootitshala abaqeqeshiweyo ukwenzela ukuba baqinisekise ngokuphunyezwa ngokupheleleyo kwekharityhulam. Isifundo soLwazi ngezoBomi sifuna uqeqesho olulodwa nolulungiselelwe umntu ngamnye.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kunika ibhasari ootitshala abayi-70 abaqeshwe isigxina ukuba baphucule ulwazi lwabo ngesi sifundo nezakhono zoqeqesho kule nkalo yesifundo.
3. IYunivesithi yaseKapa iya kubonelela ngekhosi ye-ACE njengekhosi eyenziwa emva kweeyure zomsebenzi (part-time) ukususela ngoMatshi 2008 ukuya kuDisemba 2009. Oku kuya kukhokelela kwisiqinisekiso seNqanaba 6 se-NQF kwaye siya kudibanisa imfundo ngembalelwano neeseshoni zokufunda eklasini (contact session) ngeempela-veki nangeeholide zesikolo.
4. Le bhasari iya kuhlawula iifizi zokufunda nokubhalisa, kwakunye nezinto zokuncedisa ukufunda eziya kubonelelwa yi-UCT. Ngethuba lokuqhubeka kweeklasi, ootitshala abasuka emaphandleni baya kubonelelwa ngendawo yokulala.
5. Iindleko zothutho ukuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe iWCED.
6. Lilonke inani lootitshala abaya kukhethelwa le program bayi-70, abayi-35 basuka kwizithili zeedolophu (Metro districts) kanti abayi-35 basuka kwizithili zasemaphandleni.
7. Aba titshala balandelayo bafanelekile ukufumana iibhasari:
  • Ootitshala abaqeshwe isigxina liSebe iWCED (Kuya kukhethwa ootitshala abafundisa esi sifundo sikhankanywe apha ngasentla kumaBakala 10 - 12.)
  • Ootitshala abanediploma yeminyaka emithathu
  • Ootitshala abanesidanga nesiqinisekiso soqeqesho, kodwa bengenaso isiqinisekiso esifundelweyo kwesi sifundo sikhankanywe ngasentla
8. Le khosi iya kubandakanya le miba ilandelayo yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (kumaBakala 10 - 12) kunye/okanye i-RNCS (GET):
  • Imigaqo ye-NCS
  • Iziphumo zokufunda nemigangatho yovavanyo
  • Iinkalo zolwazi
  • Indlela yokufundisa yemfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based methodology) (iindlela zokufunda, zokufundisa nezovavanyo)
  • Inguqu kwezentlalo, amalungelo oluntu, ukubandakanya wonke umntu (inclusivity)
  • Ukukhethwa kwezinto zokuncedisa ukufunda (support material), kubandakanywa ne-software yekhompyutha
9. Amalungiselelo ekhosi ame ngolu hlobo lulandelayo:

Izifundo zekhosi

Igela lootishala abayi-35 abasuka kwizithili zeedolophu   Igela lootishala abayi-35 abasuka zasemaphandleni  
UmsebenziUmhla nexeshaInani leeyure zokufindisa eklasiniUmsebenziUmhla nexeshaInani leeyure zokufindisa eklasini
Ubhaliso nolwamkeloNgoMvulo, 3 Matshi 2008 Umhla: 15:00-18:00 Ubhaliso nolwamkeloNgeCawa, 30 Matshi 2008 Umhla: 15:00 - 18:00 
Iseshoni 1 yokufunda eklasini (Isifundo)NgoMgqibelo, 15 Matshi 2008 Umhla: 9:00 - 16:307,5 iiyureIseshoni 1 yokufunda eklasini Ibloko yeentsuku ezi-5 ngeholide yangoMgqibelo NgoMvulo, 31 Matshi 2008 - ngoLweshihlanu, 4 Apreli 200840 iiyure
Iseshoni 2
yokufunda eklasini Ibloko yeentsuku ezi-5 ngeholide yangoMgqibelo
NgoMvulo, 7 Apreli 2008 - ngoLweshihlanu, 11 Apreli 0840 iiyureIseshoni 2
NgoMgqibelo session
NgoMgqibelo, 17 Meyi 20087,5 iiyure
Iseshoni 3
NgoMgqibelo session
NgoMgqibelo, 10 Meyi 20087,5 iiyureIseshoni 3
NgoMgqibelo session
NgoMgqibelo, 31 Meyi 20087,5 iiyure
ZIZONKE IIYURE 55 hoursZIZONKE IIYURE 55 hours

10. Ootitshala abanqwenela ukwenza isicelo sebhasari kufuneka bazalise baze bangenise le fom yesicelo eqhotyoshelweyo (iifotokopi ezicacileyo ziya kwamkeleka, kodwa mazilandelwe zezentsusa (originals) zithunyelwe kwiSebe leMfundo, kodwa ziqale zidlule kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo ungadlulanga uLwesihlanu, we-29 Februwari 2008:
Head: Education 
(Attention Mr TP Davids, Room 8-79A) 
Directorate: Internal Human Capital Management
Western Cape Education Department 
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
11. Kucelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:19

ISIHLOMELO A:  ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 70 KB)
ISIHLOMELO B:  Agreement  (ubukhulu: 10 KB)