1. I-WCED inovuyo ukwazisa ukuba iibhasari ziya kufumaneka kootitshala abanqwenela ukufunda bafumane i-Advanced Certificate in Education (ACE).
2. Aba bantu balandelayo banako ukufaka isicelo:
  • Ootitshala abaqeshwe isigxina
  • Ootitshala abaneziqinisekiso zemfundo, o.k.t. ootitshala abane-REQV 13 (M + 3) okanye ngaphezu koko kwinqanaba lesiqinisekiso semfundo
  • Ootitshala abazanelisayo iimfuno zokwamkelwa zaloo yunivesithi ichaphazelekayo (Funda isiHlomelo A)
  • Ootitshala abangenabhasari karhulumente iyenye bayifumanayo okanye nayiphi na enye ibhasari
3. Injongo yezi khosi kukuphucula iziqinisekiso zootitshala, ulwazi neendlela zokufundisa izifundo ezifundiswayo.
4. Ezi khosi ze-ACE ziya kufundiswa ngokungesogxina kwithuba leminyaka emibini (ukususela ngoJanuwari 2009 ukuya kutsho kuDisemba 2010). Ikhosi nganye iya kukhokelela kwisiqinisekiso seNqanaba 6 seNQF kwaye ibandakanya zombini iiseshoni, eyokufunda eklasini (phakathi evekini, ngeempela-veki nangeeholide) neyokufunda ngembalelwano.
5. Ibhasari nganye iya kuhlawula iifizi zokubhalisa nokufunda.
6. Ngootitshala abasuka kwiindawo ezisemaphandleni kuphela abaya kubonelelwa ngendawo yokulala, elungiselelwa yiyunivesithi ekungenwe kwimvumelwano nayo okanye yi-WCED.
7. Iindleko zothutho ukuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa yi-WCED.
8. Ootitshala baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zezinto zabo zokuncedisa ukufunda (learning support material), apho kusebenzayo oku.
9. Bayacelwa ootitshala abanqwenela ukuba bathathelwe ingqwalaselo yokuba bafumane ibhasari yekhosi ukuba bazalise iziHlomelo B no-C baze bazingenise kwiSebe leMfundo, ziqale zidlule kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo ungagqithanga uLwesihlanu, 7 Novemba 2008:

            The Head: Education
            For attention: Mr TP Davids (Room 8-79 A)
            Directorate: Internal Human Capital Development
            Western Cape Education Department
            Private Bag X9114
            Cape Town
            8000

10. Izicelo zinokufakwa kwakhona kwibhokisi ephawulwe "Directorate: Internal Human Capital Development" ebekwe kwifoya yomnyango omkhulu kwaNdlunkulu weSebe i-WCED eGrand Central Towers, Cape Town.
11. Iifom zezicelo neefom zemvumelwano ziqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane. Iikopi zezi fom ziyafumaneka kwakhona kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo (Client Service) kwiSebe i-WCED kumgangatho wesibini e-Grand Central Towers, Cape Town.
12. Kucelwa uqaphele ukuba
  • Akukho zicelo zingazaliswanga zonke iinkcukacha okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa; kwaye
  • akukho zicelo zithunyelwe ngefeksi ziya kwamkelwa.
13. QAPHELA: Akukho zicelo zifike kade emva komhla wokuvala ziya kuqwalaselwa.
14. QAPHELA:
  • Igama lekhosi ye-ACE kunye neyunivesithi ekhethwe nguwe mazibhalwe ngokucacileyo kwifom yesicelo.
  • Iikopi eziqinisekisiweyo zesatifikethi sakho sematriki, isiqinisekiso semfundo (iziqinisekiso zemfundo) kunye /okanye isiqinisekiso sokuqeqeshelwa umsebenzi kunye nekopi yesazisi (ID) mazingeniswe kunye nesiselo sakho.
  • Ukuba wenza izicelo zebhasari ezingaphezu kwesinye, makungeniswe izicelo ezahlukeneyo.
15. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela ize ijonge kuqala zonke izicelo ize izibeke ngokweemfuno eziphambili (prioritise), emva koko yenze iingcebiso malunga nokukhutshwa kweebhasari.
16. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano emiselwe ngokomgaqo neSebe i-WCED yokuba anike inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye athe wanikwa ngawo ibhasari, nokuba athobele neminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano leyo.
17. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:17

isiHlomelo A: IIBHASARI ZANGO-2009 ZE-ADVANCED CERTIFICATE IN EDUCATION (ACE)  (ubukhulu: 19 KB)
isiHlomelo B: ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 138 KB)
isiHlomelo C: "Agreement on payment of tuition fees from state funds"  (ubukhulu: 24 KB)