1. ICandelo loPhuhliso lwaBasebenzi lwangaPhakathi liye langena ezingxakini ezininzi kwixa elidlulileyo ezimalunga nokurhoxa kumaphulo ongenelelo ngoncedo loqeqesho okwaziswa sekusondele kakhulu ukuqala koqeqesho kungenziwanga malungiselelo afanelekileyo okuba kufakwe omnye umntu nokuba abo bezileyo kuqeqesho abakuhoyi ukungenisa ii-asayinimenti ezimiselweyo.
2. Ababoneleli ngoqeqesho abahluka-hlukeneyo namaziko ngamaziko anoxanduva lokuququzelela nokulungiselela uqeqesho nophuhliso kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, avakalise inkxalabo yawo enkulu malunga nokurhoxa qho kwababhalisele uqeqesho okanye ukungayi kwabo kumaphulo oqeqesho alolu hlobo.
3. Ngaphezu koko, ukungayi kwabo kuqeqesho kukhokelela kwinkcitho engenanzuzo neyimosharha ekuye kufuneke ukuba isingathwe ngokoMthetho woLawulo lweMali zikaRhulumente (Public Finance Management Act) (PFMA).
4. Abaphathi, iisuphavayiza nabanye abantu abaxhasa ukutyunjwa kwabantu amabaye ezikhosini, mabaqinisekise ukuba umthwalo womsebenzi neminye imisebenzi ekufuneka yenziwe yaloo mntu iya kumvumela lowo utyunjiweyo ukuba aye aze athathe inxaxheba ngokupheleleyo kumaphulo oqeqesho ngelo thuba lokuqhubeka koqeqesho, kwakunye nokugqitywa kuze kungeniswe kwangexesha kwePhothifoliyo yoBungqina (Portfolio of Evidence (POE)) eyimfuneko okanye kwe-asayinimenti.
5. Ukuba kuthi, ngenxa yeemeko ezingaphaya kolawulo, umtyunjwa anyanzeleke ukuba arhoxe, loo mtyunjwa makazise uMlawuli weCandelo loPhuhliso lwaBasebenzi lwangaPhakathi okanye umququzeleli woqeqesho ubuncinane kwiintsuku ezilishumi elinesine (14) phambi kokuqala koqeqesho okanye enze amalungiselelo okufaka umntu ofanelelekileyo omakathathe indawo yakhe okanye angenise incwadi kagqirha (medical certificate).
6. Ukuthintela ilahleko engaphezulu, bonke abatyunjelwe amaphulo oqeqesho neesuphavayiza zabo kuya kufuneka ukususela ngoku basayine uxwebhu lweMigaqo yeMvumelwano (Memorandum of Understanding (MOU)) yokulawula ukubakho kuqeqesho nokungeniswa kwee-asayinimenti kwakunye nokubuyiswa kweendleko xa umtyunjwa eye akakwenza okufunekayo.
7. Apha kuqhotyoshelwe ithempleyithi ye-MOU neFom yokuTyumba (Nomination Form) nemazizaliswe zize zifakwe kwirekhodi ngokumalunga nawo onke amaphulo oqeqesho nophuhliso.
8. I-MOU neFom yokuTyumba mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

       Head: Education
       Western Cape Education Department
       For Attention: Mr AM Shasha (Rm 8-77)
       Directorate: Internal Human Capital Development
       Grand Central Building
       Lower Parliament Street
       CAPE TOWN
       8000

9. Akukho xwebhu lwe-MOU okanye iFom yokuTyumba engazaliswanga ngokupheleleyo iya kuqwalaselwa.
10. Kucelwa uqhagamshelane ngaphandle kwamathandabuzo no-Alfred Shasha kule nombolo yefoni 021 467 2550 xa ufuna ukuxoxa ngayo nayiphi na imibandela ekule ngcaciso imfutshane.
11. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi abakwicandelo lakho banolwazi ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU- ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:15

"Template of a Memorandum of Understanding (MOU)"  (ubukhulu: 50 KB)
"Template of a Nomination Form"  (ubukhulu: 21 KB)