<
1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenze isigqibo sokuba likhuphe izintlu zezithuba (vacancy lists) zibe mbini ngo-2009. Ezi zintlu ziya kuba neZithuba zeNqanaba 1 nezithuba zonyuselo-sikhundleni (kubandakanywa nezithuba zeenqununu).
2. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ukuba ziqinisekise ukuba izithuba ezipapashiweyo zizaliswa ngokusebenzisa ikhompyutha (filled in electronically) kuluhlu lwezithuba oluyidrafti kweli ziko lewebhu leSebe i-WCED http://wced.wcape.gov.za.  Izaziso zezithuba eziza kupapashwa mazingeniswe ngokuzithumela ngekhompyutha. Akuyi kwamkelwa zifom zezaziso zezithuba (advertisement forms). Iinqununu mazithetha-thethane nabaphathi beekomiti zeesekethe ukuba zifumana iingxaki ngenkqubo yokuzalisa izaziso zezithuba (advertisements) kuluhlu lwezithuba oluyidrafti olukwiziko lewebhu. Uyacelwa ukuba ufunde iSetyhula 0010/2005 yowe-18 Julayi 2005 ngokumalunga noku. Iinqununu ezingakwaziyo ukufikelela kwiziko lewebhu maziqhagamshelane nabaphathi beekomiti zesekethe bazo.
3. Le thebhile ilandelayo inika imihla yopapasho ekucingelwa ukuba kuya kupapashwa ngayo izintlu zezithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo:

IZITHUBA EZIKWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NAKWIZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA ZIKARHULUMENTE

OkwenziwayoUluhlu lwezithuba
 Uluhlu lwezithuba 1/2009Uluhlu lwezithuba 2/2009
Izithuba zezikhundla zenqanaba 1 nezithuba zonyuselo-sikhundleni (kubandakanywa nezithuba zeenqununu)
ISebe i-WCED livulela ukufakwa kwezintlu zezithuba ngekhompyutha ngamaziko nee-ofisi zezithili zemfundo14 Januwari 200915 Juni 2009
Iinqununu mazifake izithuba kwiziko lewebhu. UMHLA WOKUVALA:26 Januwari 200922 Julayi 2009
Abaphathi beekomiti zeesekethe mabatshekishe baze bangqinisise izaziso zezithuba ezipapashwayo2 Februwari 200928 Julayi 2009
ISebe i-WCED maliprinte lize likhuphe uluhlu lwezithuba9 Februwari 20096 Augasti 2009
UMHLA WOKUVALA UKWAMKELWA IZICELO24 Februwari 200920 Agasti 2009
ISebe i-WCED lithumela izicelo zezithuba ezikolweni24 Matshi 200917 Septemba 2009:
Ii-SGB kufuneka zingenise abatyunjiweyo kwiSebe i-WCED. UMHLA WOKUVALA:5 Meyi 200923 Octobha 2009
ISebe i-WCED kufuneka livume ngokusesikweni abatyunjiweyo8 Juni 200923 Novemba 2009
Umhla wokuqeshwa1 Julayi 2009 /
1 Januwari 2010
1 Januwari 2010

4. Kucelwa niqaphele ukuba abo bafumana iibhasari zeFundza Lushaka (abaye bathi kutshanje bagqiba izifundo zabo) bangaqeshwa ngoko nangoko ngokusisigxina kwiZithuba zeNqanaba 1 ezivunywe ngokusemthethweni (substantive posts) ngaphandle kwemfuneko yokuba zipapashwe izithuba ezilolu hlobo kuluhlu lwezithuba. Funda imiqathango yeSiqendu 6A(1998) soMthetho weNgqesho yooTitshala (Employment Educators Act) (UMthetho 76/1998).
5. Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ukulawulwa ngempumelelo kwalo msebenzi ubaluleke kangaka kwaye iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU- CJ FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:27