1. Injongo yale ngcaciso imfutshane yecandelo lezemali kukukhumbuza ngegalelo ekufuneka ulenzile ukulungiselela ukwenziwa kweengxelo-mali liSebe leMfundo leNtshona Koloni yonyaka-mali ka-2007-2008.
2. NgokweSiqendu (40)(1)(1) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, 1 ka-1999, (Public Finance Management Act (PFMA), njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho 29 ka-1999, iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali (Accounting Officer) kufuneka lilungise iingxelo zemali zonyaka-mali ngamnye lize lizingenise kuMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General) ngenjongo yokuba ziphicothwe zingadlulanga iinyanga ezimbini uphelile unyaka-mali, ngokunjalo nakwi-Ofisi kaNondyebo wePhondo (Provincial Treasury) (PT), eya kulungisa iingxelo-mali ezidityanisiweyo (consolidated financial statements). Oku kuthetha ukuba iingxelo-mali zeSebe i-WCED ezigqityiweyo zasayinwa mazingeniswe ungadlulanga owe-31 Meyi 2008.
3. Ukwenzela ukuba eli candelo libe nokungqinelana neemfuno ze-PFMA, kubaluleke gqitha ukuba abantu abathweswe lo msebenzi nabachazwe kuluhlu oluqhotyoshelweyo bangenise igalelo labo kweli candelo ngokukhawuleza, o.k.t. ngokukhawuleza emva kokuphela konyaka-mali, okanye ungadlulanga owe-15 Apreli 2008 ukuba akukho xesha lakuvala lisikiweyo. Kucelwa uqaphele ukuba makungeniswe, ngokuthunyelwa ngekhompyutha, igalelo elibhaliweyo elihamba kunye namaxwebhu afanelekileyo ngendlela ekufunwa ngayo yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele.
4. Ukukwenzela lula nokukunika izalathiso ezifunekayo (reference), aba bantu bakuluhlu oluqhotyoshelweyo becandelo ngalinye elichaphazelekayo baza kuthunyelelwa nge-imeyili iikopi ezikotshelwa ekhompyutheni zeethempleyithi zokusetyenziswa xa kulungiswa ingxelo-mali kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokunceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali.
5. Nayiphi imibuzo ngalo mba ingabhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736, okanye kuMnu S van Wyk kule nombolo yefoni 021 467 2738. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:31

List of persons responsible for providing input into Annual Financial Statements  (ubukhulu: 22 KB)