1. Ukuze kube nokugqityezelwa iinkcukacha ze-IRP5 zonyaka werhafu u-2008 nokwenzela ukungqinelana nemithetho yerhafu, isistim yemivuzo i-PERSAL iye ibale irhafu eye yaqokelelana yonyaka wonke yomqeshwa ngamnye ukwenzela ukujonga ukuba ngaba kwaxhuzulwa irhafu echanekileyo kusini na. Le nkqubo yenziwe ngoFebruwari 2008.
2. Eli nyathelo licaciswe apha ngasentla libe nezi ziphumo zilandelayo:
2.1 Izixamali "ezilindeleke ukuba uzihlawulwe ("due to you"), (irhafu exhuzulwe kwada kwagqithiswa kumlinganiselo (tax over-deduction) iya kubuyiselwa kubaqeshwa ngokumalunga neemeko zerhafu emiselweyo yabaqeshwa i-SITE kuphela, o. k. t. abaqeshwa abafumana ngaphantsi kwe-R60 000 ngonyaka.
2.2 Ngokumalunga nezixamali "ekulindeleke ukuba zihlawulwe nguwe ("due by you") kuye kwenziwa amalungiselelo erhafu exhuzulwe ngaphantsi komlinganiselo (tax under-deduction) phantsi kwesihlokwana esithi "Tax Debt" (Ityala leRhafu). Kubaqeshwa abasesenkonzweni, isixamali serhafu etyalwayo (tax debt) siza kufakwa kwiprogram yekhompyutha size sixhuzulwe ngokuzenzekelayo kwimivuzo yabo ukuqalela kuMatshi 2008 ngolu hlobo lulandelayo:
  • Izixamali ezingaphantsi okanye ezilingana ne-R 100 - isavenge esi-1
  • Izixamali ezingaphantsi okanye ezilingana ne-R 500 - izavenge ezi-2
  • Izixamali ezingaphantsi okanye ezilingana ne-R 1000 - izavenge ezi-3
  • Izixamali ezingaphezu kwe-R 1000 - izavenge ezi-4
2.3 Kubaqeshwa abangekho nkonzweni, kuza kulandelwa inkqubo eyimfuneko yokuqokelelwa kwamatyala (debt collection process).
2.4 Kucelwa uqaphele ukuba le ofisi njengangoku ingqinisisa le ngxelo: "List of recalculation of Tax" (Uluhlu lokubalwa kwakhona kweRhafu) ebonisa onke amagosa atyala irhafu naza kuxhuzulelwa ityala lerhafu (tax debt) okanye aza kubuyiselwa imali ngenxa yerhafu egqithisileyo (tax refund). Eli nyathelo kufuneka lenziwe ukwenzla ukutshekisha nawuphi na umahluko ekubaleni ongakho nokuba emva koko kwenziwe ezo zilungiso zifunekayo.
3. Kucelwa wazise bonke abaqeshwa abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:19