1. Kwintlanganiso yeKomiti yezeMali eyayibanjwe nge-4 Oktobha 2007 nakwiiforam ngeeforam ezahlukeneyo ze-CFO zikazwelonke, amasebe amaphondo axelelwa ngeprojekthi i-SCOA Toning. Injongo ye-SCOA Toning project kukuphucula ezi zinto zilandelayo:
  • Ukunika ingxelo ngenkcitho eyenziwe kwiziseko zophuhliso (infrastructure)
  • Ukulungelelaniswa kwezitraksha zeprogram yokusetyenziswa kwebhajethi ne-BAS
  • Ukujongisisa nokuhlela (classification) nokwahlula ngokweendidi (categorisation) izinto ezikwi-Goods and Services structure
  • Ukurekhodwa kwenkqubo ye-economic classification ngokwamacandelo kanye afanelekileyo esibonelelo semali (appropriate segment) kwitshathi
  • Ukuphuculwa kwenkqubo yokucalulwa kwezemali nokumisela iqonga lokunika ingxelo ngenkcitho eyenziwe kwezophando nophuhliso
1.1 Amaziko edatha e-BAS asetyenziswayo ngoku akangqinelani ngokupheleleyo nolu hlobo lophuculo oluza kusetyenziswa. Ukwenzela ukuba kube nokusetyenziswa amacandelo esibonelelo semali ongezelelweyo nafunekayo ekwenzeni ingxelo ehlaziyiweyo, onke amaziko edatha akwi-BAS ngoku kufuneka ehlaziywe ngokutsha ukususela nge-1 Apreli 2008.
1.2 Ngenxa yesi sizathu singasentla, amagosa e-Ofisi kaNondyebo wePhondo adibana ne-CFO yesebe ngalinye ngoNovemba/Disemba 2007 ukuyazisa ngokuhlaziywa ngokutsha kweziko ledatha le-BAS. I-CFO nganye yathunyelelwa ngekhompyutha amaxwebhu avela kwi-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury presentations) amalunga nale nkqubo ukwenzela ukuziqhelanisa nangaphezulu neemfuno ze-SCOA Toning project.
2. Ukunika ingxelo ngemali njengangoku kwenziwa kuwo omahlanu amacandelo esibonelelo semali, oko kuthi, kwi-Fund, Objective, Project, Responsibility nakwi-Item. Ngokubhekiselele kumhlathi 1.1, la macandelo ongezelelweyo zii-Assets and Regional Indicator.
3. IGosa eliLawula i-BAS (BAS Controller) liqalise ngokufaka ekhompyutheni amacandelo esibonelelo semali amatsha nge-14 Februwari 2008 lakuba lifumaneka iziko ledatha elitsha. Le nkqubo igqitywe nge-29 Februwari 2008.
4. Kubalulekile ukuba bonke abayisebenzisayo le nkqubo baziswe nge-Chart of Accounts nokusetyenziswa kwamacandelo esibonelelo semali ahlukeneyo ngokukhawuleza.
5. Nangona bonke abo bayisebenzisayo le nkqubo bexakekile kukwenza iintlawulo phambi kokuvalwa konyaka-mali, sinyanzelekile ukuba silungiselele iiseshoni zengcaciso/zomsebenzi noninzi lwabasebenzisi benkqubo le phambi kwe-1 Apreli 2008.
6. Ngenxa yokuxinaniswa lixesha, kuye kwacwangciswa iiseshoni zeeyure ezi-2 - 3 ukulungiselela le njongo. Imihla namaqela ekujoliswe kuwo ame ngolu hlobo lulandelayo:

KWANDLUNKULU Indawo: Kumgangatho 2, kwiGumbi 2

UmhlaIqelaIxesha
13 MarchDir Accounting Services and Dir Management Accounting08:00 to 10h00
13 MarchDir Logistical Services10:30 to 12:30
13 MarchAll the smaller groupings,Directorates Personnel, Curriculum, Safe Schools, Physical Resources, Spec. Edu. Supp, Nutrition HIV, Examinations, Khanya etc10:30 to 12:30

II-OFISI ZEZITHILI 10:30 - 12:30

DATEI-ofisi Yesithili (II-Ofisi zezithili)Indawo
17 March South and CentralSouth
18 MarchNorth, East, LSM and EdulisEast
19 MarchWest Coast Winelands and Breede River OverbergWest Coast/WLands
20 MarchSouth Cape KarooSouth Cape/Karoo

7. Nayiphi na imibuzo emalunga noku kungasentla ingabhekiswa kuCarl Lendore (oliGosa eliLawula i-BAS) kule nombolo yefoni 021 467 2727.
8. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngalo mba.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:10