1. ImiMiselo eLawula uNondyebo kaRhulumente kuZwelonke (National Treasury Regulations) umhlathi 8.3.3 umisela ukuba umhla wokuhlawulwa kootitshala abangesosigxina (temporary CS-educators) ababandakanya abasebenzi abangesosigxina nabethutyana (temporary and part-time staff), nabantu abaqeshwe kwizithuba zobulingwa (persons appointed on probation), ube lusuku lomsebenzi lokugqibela lwenyanga yekhalenda (calendar month).
2. Kwixesha elidlulileyo, imihla yokuhlawulwa kwabasebenzi ekupheleni kwekota/kwesimesta/ kwetrayimesta yasuswa kusuku lokugqibela lomsebenzi lwenyanga olumiselweyo yasiwa kusuku lokugqibela lomsebenzi lwekota/lwesimesta/lwetrayimesta. Kucelwa niqaphele ukuba ukwenzela ukuba kugcinwe imigqaliselo yomthetho, aba baqeshwa balandelayo baya kuhlawulwa ngosuku lomsebenzi lokugqibela lwenyanga yekhalenda, kungakhathaliseki nokuba ngumhla wokugqibela wekota/wesimesta/wetrayimesta, ukususela ngoMatshi 2008:
  • Ootitshala abaqeshwe ngemvumelwano (Contract appointments)
  • Ootitshala abasisigxina kodwa besengabalingwa (Permanent on probation)
  • Ootitshala ababambeleyo (Substitute educators)
  • Ootitshala abangesosigxina (Part-time educators)
3. Kucelwa wazise bonke ootitshala abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:11