1. Kucelwa nifunde le ngcaciso iMfutshane yeCandelo leeNkonzo ze-Akhawuntingi 0011/2007, yomhla we-2007/08/08.
2. Ukususela nge-1 Apreli 2008, ingxelo yoluhlu lweentlawulo zemivuzo engenangcaciso ngemivuzo ukongeza kwingxelo yoluhlu lweentlawulo zemivuzo enengcaciso ngemivuzo, esele isetyenziswa kade, iya kwenziwa ifumaneke kwiipheyiphoyinti kwaye kufuneka izaliswe njengeSatifikethi soLuhlu lweeNtlawulo zeMivuzo (Payroll Certificate).
3. Injongo yale ngxelo yoluhlu lweentlawulo zemivuzo engenangcaciso ngemivuzo yile:
3.1 kukufumana iisiginisha zabantu abafakwe kule ngxelo yoluhlu lweentlawulo zemivuzo ukubonisa ukuba bawafumene amaphetshana abonisa imivuzo yabo (their salary advices);
3.2 kukuqinisekisa ukubayimfihlo (establish confidentiality) kwengcaciso ngemivuzo; kunye
3.3 nokutshekisha ngokubiza amagama abasebenzi abakuluhlu kuloo pheyiphoyinti.
4. Ukungqinwa okuqhelekileyo (normal certification) kwengxelo yoluhlu lweentlawulo zemivuzo enengcaciso ngemivuzo, ngokwengcaciso eMfutshane yeCandelo leeNkonzo ze-Akhawuntingi 0011/2007, kufuneka kuqhubeke kwenziwe aze amaxwebhu lawo abuyiselwe, kwakunye nengxelo yoLuhlu lweeNtlawulo zeMivuzo engenangcaciso ngemivuzo, kulo:
Director:  Accounting Services
For attention:  Mrs A Smit
Paysheet Control Section (7th Floor)
Western Cape Education Departement
Private Bag X9114
Cape Town
8000
5. Kufuneka uzenzele ezakho iikopi zala maxwebhu akhankanywe apha ngasentla ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:07