1. Injongo yalo Myalelo wezeMali (Finance Instruction) kukunika isikhokelo esifanayo kwinkonzo yokunika inkxaso ekufuneka aMagosa oLawulo lweLahleko yeSebe leMfundo (Departmental Loss Control Officers) aze ayinike iGosa eliyiNtloko loLawulo lweLahleko (Chief Loss Control Officer) (Nks. RM Matli) leCandelo lezeMali nee-Akhawunti (Directorate: Finance Accounting).
2. Le ncwadana yemigaqo isebenza ngoko nangoko kwaye ithatha indawo yeSetyhula 0003/2004.
3. AMagosa oLawulo lweLahleko yeSebe leMfundo makaqinisekise ukuba bonke abantu abachaphazelekayo bayayinikwa ikopi yencwadana yemigaqo (manual) kwaye zonke iimeko zelahleko zigqityiwe ngokungqamene nale ncwadana yemigaqo.
4. AMagosa oLawulo lweLahleko yeSebe leMfundo aqeshiweyo kunye namacandelo ajongene nawo abhaliwe kwisiHlomelo A.
5. Lo myalelo usebenza kuphela kwilahleko ekungenwe kuyo phantsi kwemeko ekusetyenziswa kuyo ulawulo (jurisdiction) lwe-PFMA. Lo myalelo ke ngoko awuzichaphazeli izikolo, njengoko zonke ii-asethi zadluliselwa ezikolweni ngokwe-SASA. Izikolo zi-inshoriwe kwaye ke ngoko kufuneka zibuyekezwe ngayo nayiphi ilahleko yazo ziinkampani ze-inshorensi zazo.
6. Ukonakalisa okuxhomisa amehlo ezikolweni kufakiwe phantsi kwezinto ekufuneka zilungiswe ngokungxamisekileyo kwaye akuthathwa njengelahleko. Isikhokelo sendlela yokulawula nokwenza isicelo soncedo lokulungiswa komonakalo oxhomisa amehlo ezikolweni siya kukhutshwa liCandelo leYunithi yokuNika iNkxaso yoKwenziwa kwemiSebenzi (Directorate: Operational Support Unit).


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:08

Loss Control Manual  (ubukhulu: 64 KB)
Annexure A: Departmental Loss Control Officers  (ubukhulu: 8 KB)
Annexure B: Departmental Loss Register  (ubukhulu: 4 KB)
Annexure E: Priority Classification principles  (ubukhulu: 5 KB)
Annexure E: Certificate  (ubukhulu: 8 KB)
Form WKOD 028  (ubukhulu: 15 KB)
Form WKOD 030  (ubukhulu: 12 KB)