2. |
Ezo zatifikethi mazinikwe abasebenzi abaqeshiweyo njengangoku kwiziko lakho. Kucelwa uqinisekise ukuba izatifikethi ezishiyekileyo zabasebenzi ababesenkonzweni kwelo ziko ngonyaka werhafu 2007/2008, zithunyelwa kwiipheyipoyinti zabo ezintsha okanye kwiidilesi zabo zasekhaya ngokukhawuleza, okanye zibuyiselwa kule ofisi. |
3. |
Uxwebhu oluneenkcukacha (control sheet) oluqhotyeshelweyo malungqinwe (certified) luze lubuyiselwe ngokukhawuleza kule dilesi ilandelayo ukulungiselela iinjongo zokuphicotha iincwadi/zokugcina iirekhodi:
Head: Education
Western Cape Education Department
Tax Section (7th Floor)
Private Bag X9114
Cape Town
8000 |
4. |
ICandelo leRhafu leli Sebe lisoloko lixinwa zizicelo zokukhupha izatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi. Oku kubonisa ukuba abanye abasebenzi abazithathi njengezibalulekileyo izatifikethi ii-IRP 5 zabo. Oku kubangela umsebenzi ongumthwalo onzima nongeyomfuneko kule ofisi. |
5. |
Bakuzifumana abasebenzi izatifikethi ii-IRP 5 zabo, mabaqinisekise ukuba bazigcina kwindawo ekhuselekileyo ukwenzela ukunciphisa umthwalo wezolawulo kubasebenzi beCandelo leRhafu. |
6. |
Kwixesha elizayo sisicelo esibhaliweyo kuphela esicela isatifikethi i-IRP5 esiyidyuplikheyithi esiya kwamkelwa yaye isicelo esilolu hlobo masikhatshwe yingxelo efungelweyo (affidavit) engqina ukulahleka kwesafikethi sentsusa (original certificate). |
7. |
Kuza kubizwa intlawulo eyi-R40.00 ngedyuplikheyithi yesatifikethi nganye ukususela kunyaka werhafu ka-2008. |
8. |
Bayacelwa abaqeshwa ukuba bancede baqinisekise ukuba inombolo yerhafu (tax number) ekwizatifikethi zabo yechanekileyo. Ukuba akukho nombolo yerhafu ibonisiweyo kwaye ungumrhafi (tax payer), kucelwa ungenise inombolo yakho kule ofisi (ICandelo leRhafu) (Tax Section) ukuze kulungiswe iirekhodi zakho. (Kucelwa ungenise ikopi yengxelo yerhafu (tax return) okanye ileta yakwaSARS (South African Revenue Services) enenombolo yakho yerhafu ukungqinisisa nokuqinisekisa ukuba kufakwa ingcaciso ngawe echanekileyo.)
|
9. |
Kulo nyaka umhla wokuvalwa kokwamkelwa kweengxelo zerhafu (tax returns) ngabeNkonzo yeNgeniso yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service) ngowe-21 Novemba 2008 ukuze abo basebenzisa i-E-Filing ube yi-23 Januwari 2009. Kwiimeko apho umntu afuna ukwandiselwa ixesha, luxanduva lomqeshwa ukucela oko kwandiselwa ixesha kuMamkeli weRhafu (Receiver of Revenue). |
10. |
Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU: R MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:10
|