1. AbeeNkonzo zeNgeniso yeRhafu zaseMzantsi Afrika (South African Revenue Services (SARS)) bacele ukuba onke amasebe karhulumente akuhlehlise ukukhutshwa kwezatifikethi ii-IRP5/IT3(a) zinikwe abaqeshwa zonyaka werhafu ka-2007/2008 de liphinde likhuphe esinye isaziso.
2. Isizathu soku kungenxa yokuba u-SARS uqalisa inkqubo yokuphucula ukuqokelelwa kwerharu yengeniso etsalwa kulowo nalowo mntu (personal income tax). Lo msebenzi wokutshintsha inkqubo yokuqokelelwa kwerharu ukusuka kwebitsalisa nzima isenziwa ngesandla (complex manual one) ukuya kwinkqubo elula esebenza ngomatshini (simplified automated process) waqalwa ngoMeyi 2007. Injongo kukunciphisa iindleko zabarhafi abathobela umthetho kunye nokuphucula ukwazi kuka-SARS ukuqaphela abo barhafi bangathobeli mthetho aze athathe amanyathelo ngakubo.
3. ISebe i-WCED liya kubazisa abasebenzi akuba nje u-SARS ekhuphe umhla wokuprintwa kwezatifikethi IRP5 zonyaka werhafu ka-2007/2008.
4. Uyacelwa ukuba uqinisekiswe ukuba okukule ngcaciso ifutshane kwaziswa bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:04