1. Isikolo sakho siya kufumana kungekudala iikopi ezimbini ze-Western Cape School Songbook kunye ne -CD ekwanezi ngoma. Le ngqokelela yamaculo ayi-40 eelwimi ngeelwimi, yenzelwe injongo yokukhuthaza ukufundwa kwamaculo abanye ngabanye, ukukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi nolwazi kunye nokwabelana ngenkcubeko nangezithethe. Ikakhulu ikukubhiyozela umculo nezinto ezenziwa luluntu.
2. Iiseti zeencwadana ezinamagama kuphela (zabafundi) ziya kuhanjiswa nazo. Ubungakanani beeseti esinako ukuzihambisa buya kuxhomekeka kwinkxaso-mali efunyeneweyo.
3. NgoFebruwari iimvumi ziya kutyelela izikolo ukwazisa le ncwadi yamaculo, lo gama ootitshala abaculisayo baya kwaziswa nangakumbi ngayo ngethuba lothotho loomasifundisane abaya kuqhutywa ngeempelaveki nabalungiselelwe ukunika inkxaso inkqubo kaTirisano. La maculo aya kusetyenziswa nangethuba lemidlalo eqhutywa ngeli xesha.
4. Le ncwadi yamaculo iya kuphehlelelwa ngokusesikweni kumnyhadala onge-15 Matshi 2008 e-Newlands Rugby Stadium ukuqala ngo-11h00 - 14h00, ekuya kuthi kuwo kuculwe uninzi lwala maculo ngabafundi kunye naziimvumi ezivunyiweyo. Kucelwa usibhale esi siganeko kwidayari yakho.
4.1 Abantu abadumileyo kwezemidlalo nakwezomculo baya kubakho ngale mini. Ubukhulu balo mnyhadala buya kuxhomekeka kubungakanani benkxaso-mali efunyenweyo. Ziya kulandela iinkcukacha ezipheleleyo kungekudala.
4.2 Umnqweno ngowokuba kubekho abafundi abangama-28 000 (bamaBakala 7 - 12). Ngokuxhomekeka kwabo banokuza, ngabafundi abangaya kutsho kuma-50 nootitshala abahlanu kwisikolo ngasinye abanokuza. Amanani aya kushiya-shiyana kuba ezinye izikolo zasemaphandleni ezincinane zinganabafundi abambalwa kunama-30 abanako ukuza, lo gama ezinye izikolo zingangabinako ukuza okanye zikhethe ukungezi.
4.3 Ukuba imali iyafumaneka, abafundi baya kubonelelwa ngezithuthi nokutya. Ukuba akukho mali ifumanekayo, kuya kufuneka ke ngoko izikolo zizihlawulele ngokwazo iindleko zazo.
4.4 Ziyacelwa izikolo ezikwimimandla yedolophu ukuba zibonelele ngendawo yokuhlala abafundi abasuka kwizikolo zasemaphandleni, abangeza eKapa nge-14 Matshi 2008.
5. Kucela zonke izikolo ezinqwenela ukuthatha inxaxheba ukuba zizalise ifom eqhotyoshelweyo zize ziyithumele kuNomkhita Makosana, weCandelo loNxibelelwano (Directorate Communications, WCED) nge-imeyili kule dilesi nmakosana@pgwc.gov.za, okanye ngefeksi apha 021 461 3694 ungagqithanga owe-1 Februwari 2008.
6. UMphathiswa uCameron Dugmore, owaqala le projekthi nongoyena uyikhuthaza ngamandla, ubongoza zonke izikolo ukuba zincede zenze iinzame zokuba zibekho kulo mnyhadala nokuba zenze ube sisiganeko esiqaqambe ngokukodwa nesiya kuhlala sikhunjulwa kwaye ube kukubhiyozela ubumbano lwesizwe.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke abachaphazelekayo esi saziso.


ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:22

Ifom yoKhuphendula malunga noKuphelelwa kwencwadi yamaculo  (ubukhulu: 8 KB)