1. Injongo yesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (The Human Capital Development Strategy) (HCDS)) kukuqinisekisa ukuba ulutsha lwaseNtshona Koloni luyaphuhliswa kwaye luyaxhaswa ukuze luphumelele ekuphumezeni amaphupha alo.
2. ISebe iWCED (ekulelona sebe eliphambili ekuphumezeni i-HCDS) lisebenzisa iinkqubo nezicwangciso ezahlukeneyo ukuqinisekisa ukuba ulutsha olusezikolweni zethu aluphoswa ngamathuba afumanekayo, hayi nje kuphela kweli phondo, koko kuzwelonke nakumazwe ngamazwe.
3. Kuyinto esele yamkelekile ukuba baninzi abafundi bethu kweli lizwe abangenzi kakuhle kuviwo lweBakala 12 kwaye oku kudala inkxalabo kwabaninzi abakwicandelo lemfundo. Zikho izizathu eziliqela ezinegalelo kulo mngeni.
4. IBakala 12 lithathwa njengonyaka ongumnqantsa nosebenzisa kakhulu, kwaye abafundi ababhala uviwo lwabo lweBakala 12 basoloko beyifuna inkxaso nengcebiso engaphezulu.
5. Okuqhotyoshelwe apha yingqokelela yamanqakwana odliwano-ndlebe nabanye babafundi abapase emagqabini abaye babelana nathi ngeembono zabo kunye neengcebiswano ezinokusetyenziswa ukuze uphumelele. Sikhuthaza abafundi, ootitshala nabo bonke ababandakanyeka kwiBakala 12 kulo nyaka ukuba baqaphele izizathu eziphembelele impumelelo yabo. Abafundi bethu bematriki bango-2007 banika iingcebiswano ezinokusetyenziswa (tips) ezivakalayo nezinokwenziwa ngokulula. Umxholo ophambili kukubaluleka kokusebenza nzima, ukuzinikela uzenze idini, ukuzibophelela nokuzingisa.
6. Le ncwadana yenzelwe bonke abafundi beBakala 12 bango-2008 yaye sinethemba lokuba iya kukhuthaza abafundi basebenze nzima benze konke okusemandleni aba ukuze baphumelele.
7. Ngokumalunga nengcaciso engaphezulu ungaqhagamshelana naba balandelayo:
Fiona Lewis:
filewis@pgwc.gov.za
021 467 9346

Vumile Nyalashe:
vnyalash@pgwc.gov.za
021 467 9350

Zaahida Hartley:
zhartley@pgwc.gov.za
021 467 9354


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:003:03