1. INgcaciso eMfutshane yezoCwangciso lweMfundo 0004/2007 yazisa ngokuphunyezwa kwesicwangciso seProgram yoPhuculo, uPhuhliso, iNkxaso nokuPhakanyiswa koMgangatho (Quality Improvement, Development, Support and Upliftment Programme (QIDS UP) kwizikolo ezikwiNqanaba leNtlupheko likaZwelonke 1 & no-2 (National Quintiles 1 & 2)).
2. Isikolo sakho sifumene intlawulo eyenziwa ngomatshini yokuhlawula utitshala olibambela obebambele utitshala obeye kuqeqesho loLawulo lweLayibrari ukususela nge-4 Februwari ukuya kwi-15 Februwari 2008.
3. Malunga neenkcukacha zokunika ingxelo ngeemali ezingenileyo, kucelwa ufunde iMvumelwano eseMthethweni (Legal Agreement) ephakathi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni nesikolo sakho eqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane. Le Mvumelwano kunyanzelekile ukuba isayinwe, njengoko kubonisiwe, yinqununu namangqina amabini. Uxwebhu lwentsusa (original document) malubuyiselwe apha: Education, WCED, for attention: Mr WJ Mercuur, Room 541, Grand Central Building, Private Bag X9114, Cape Town, 8000.
4. Zonke ii-onvoyisi zentsusa mazithunyelwe ngeposi eyirejista zingadlulanga iintsuku ezintlanu zokwenziwa kwenkonzo kulo: Head: Education, WCED for the attention of Ms V. Madasi, QIDS UP, Room 541, Grand Central Building, Private Bag X9114, Cape Town, 8000.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:28