1. I-HCDS sisicwangciso esikhokeleyo seSebe i-WCED nesingumgaqo osisakhelo wokuqinisekisa ukufikeleleka kwemfundo esemgangathweni kubo bonke abaseNtshona Koloni.
2. Le ncwadana ifakwe apha yimpendulo kweminye yemiba ephambili abajongene nayo bonke abachaphazelekayo ekuphumezeni imfundo eyiyo nesemgangathweni. Isihloko ngasinye sinika inkcazo emfutshane ngemeko ekuyiyo ngoku size sijongisise kwakhona ingcaciso ngeembono nezimvo ezinxulumene nesihloko eso. Kucaciswe neengcebiso ezinikwa abacwangcisi neengcali zomgaqo-nkqubo ekuphumezeni iinjongo ze-HDCS. Ikopi yesi-Afrikansi nesiXhosa ziya kufumaneka kwakwenziwa isicelo soko kwaba bantu abakhankanywe apha ngasezantsi.
3. Bayakhuthazwa abaqeshwa beSebe iWCED ukuba bafunde okubhaliweyo ngeliso elibukhali nokuba banike ithuba lengxoxo-mpikiswano amabayenze bona kunye nabaya kuyenza nekomiti yeprojekthi ye-HCDS.
4. Sinethemba lokuba bonke abachaphazelekayo baya kukufumana okubhalwe apha kubacacisela izinto kwaye kubahlaziya. Ikomiti yeprojekthi ye-HCDS iya kulindela iikhomenti neengxoxo zenu.
5. Amalungu eprojekthi ye-HCDS ngala alandelayo:
Fiona Lewis: filewis@pgwc.gov.za
Vumile Nyalashe: vnyalash@pgwc.gov.za
Zaahida Hartley: zhartley@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:29


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).