1. IProgram yokuPhuculwa koMgangatho, uPhuhliso neNkxaso (Quality Improvement, Development, Support & Upliftment Programme (QIDS UP)) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni iye yafaka ujingi esikolweni sakho yaze yayibiyela indawo leyo afakwe kuyo.
2. Okuqhotyoshelwe apha sisatifikethi sokugqitywa komsebenzi weprojekthi yoojingi nokubabiyela osithunyelelwayo ekufuneka sizaliswe emva kokuba ugqityiwe umsebenzi esikolweni.
3. Inqununu yesikolo, usihlalo weBhunga loLawulo leSikolo nekontraki (contractor) ebisenza lo msebenzi bayacelwa ukuba bazalise ifom leyo batsho ukuba ngaba umsebenzi wenziwe wagqitywa ngokwanelisayo na kwaye uyazanelisa na iimfuno zokhuseleko.
4. Esi satifikethi sokugqitywa komsebenzi masithunyelwe ngeposi eyirejista (registered post) kwiSebe iWCED, ukuze siqwalaselwe nguNksz V Madasi, zingadlulanga iintsuku ezintlanu ugqityiwe umsebenzi.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:29

List of schools  (ubukhulu: 16 KB)
Completion Certficate: Jungle Gyms  (ubukhulu: 96 KB)
Completion Certficate: Fencing of Jungle Gyms  (ubukhulu: 95 KB)