1. Ngenxa yokufikelela kwelona nqanaba liphezulu kweenguqu kwikhatyhulam eyaqaliswa ngo-1998, ekupheleni kuka-2008 abafundi kuMzantsi Afrika uphela baya kuba befundiswe okukuqala ngqa ngekharityhulam kazwelonke enye .
2. Abafundi ukususela kwiBakala R ukuya kwiBakala 12 njengangoku benza ngokupheleleyo iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ejolise kwiziphumo zezifundo kwaye "Iklasi ka-2008" iya kuba liqela lokuqala labafundi elibhala iimviwo zokugqibela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate), isatifikethi esinyusa umgangatho ngokubonakalayo (raises the bar).
3. Zonke iimviwo zezifundo kwinqanaba leBakala 12 zisetwe kwinqanaba likazwelonke, kwaye iziphumo kufuneka zibe ngowona mlinganiselo ufanelekileyo wokubonisa ukusebenza ngempumelelo kwekharityhulam entsha.
4. Ngenxa yesi ganeko siyimbali, uMphathiswa weMfundo eNtshona Koloni, uYousuf Gabru, uya kukuthakazelela kakhulu ukudibana neenqununu kunye nootitshala ukuze kuxoxwe ngemingeni abathe bajongana nayo ekuphunyezweni kwekharityhulam entsha nokuba babelane ngamabali okanye ngeziganeko ezibe yimpumelelo zemizekelo yokufundisa okugqwesileyo.
5. U-MEC ukwanqwenela ukufumana iingcebiso, iimbono nengcaciso, ezixabisekileyo kuye, ezivela kwiinqununu nootitshala malunga nokuba kungenziwa njani na ukuze kufikelelwe kwiinjongo zekharityhulam.
6. Iinkcukacha zeseshoni yeengxoxo yokuqala elolu hlobo eza kubanjwa, zezi zilandelayo:

ISITHILI SEMFUNDOUMHLAINDAWOIXESHA LOKUQALISA
I-Metro East, i-North,
iSouth ne-Central
6 NovembaWestern Cape
Sports School
15:00

7. I-Western Cape Sports School imi kufuphi ne-ofisi yeSithili seMfundo iMetro East eKuils River
8. Apha kuqhotyoshelwe ingcaciso yokucacisa indlela yokuya kule ndawo.
9. Ootitshala abavela kwezinye izithili zemfundo baya kuzuza elabo ithuba leli phulo lokwabelana ngezimvo kamva.
10. Kucelwa wazise le ngcaciso kubo bonke ootitshala esikolweni sakho ukuze bayithathele ingqalelo .


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:17

"Directions to venue"  (ubukhulu: 50 KB)