1. I-Cape Higher Education Consortium iqhuba uphando olunjongo ikukufumanisa ubungakanani bendima iSebe leMfundo eNtshona Koloni esele liyenzile malunga nokuhlangabezana neemfuno zangoku nezexesha elizayo zazo zonke izigaba kunye nezezifundo/nezeenkalo zezifundo zeeNkcazo zeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statements) kunye nemiba yemigaqo-nkqubo yeelwimi enxulumene noko. Olu phando lujolise ekuqapheleni ukuba zeziphi na izigaba, izifundo neenkalo zezifundo neendidi zezikolo ezisenezithuba ekungekaqeshwa zititshala kuzo.
2. Injongo yale saveyi kukufumana ingcaciso malunga nokufakwa kootitshala ezithubeni ezivelileyo, ukugaywa kwabo nokunqongophala kwabo. Ingcaciso enikiweyo iya kusetyenziselwa ukunceda iiyunivesithi ezine eNtshona Koloni neSebe iWCED ukuba zikwazi ukuhlangabezana neemfuno zokuvelisa nokuqesha ootitshala bokufundisa.
3. Kucelwa uprinte le khweshine yesaveyi iqhotyoshelweyo uze uyiposele okanye uyifeksele ifom yesaveyi ezaliswe zonke iinkcukacha kulo ulandelayo ngaphambi kwe-12 Septemba 2008:
Dr C Reeves
Cape Higher Education Consortium
PO Box 18094
WYNBERG 
7824
Ifeksi: 021 763 7117
4. Iinqununu ezayizalisayo le fom yesaveyi xa amagosa aqokelela ingcaciso azii-fieldworkers ayetyelele izikolo ngo-Agasti, akufuneki ziphinde ziyizalise le fom.
5. Siyalithakazelela kakhulu igalelo nentsebenziswano yenu ebaluleke gqitha ekuzalisweni kwale khweshine ngokuchanekileyo kangangoko kunokwenzeka.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:01

"Survey / Questionnaire"  (ubukhulu: 142 KB)