1. Icandelwana leHIV & AIDS Life Skills and School Sport leCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ye-FET kwi-WCED, libambisene no-loveLife kunye neSebe lezeNkcubeko, ubuGcisa nezeMidlalo (Department of Culture, Arts and Sport) (DCAS), liya kusindleka uMnyhadala ongeNdlela yokuPhila ka-2008 eziSeketheni (nokwabizwa ngokuba yiMunicipal loveLife Games) ngoMgqibelo we-9 Agasti 2008 (uSuku lwaBafazi kuZwelonke), kwakunye noMnyhadala ongeNdlela yokuPhila ka-2008 eZithilini (nokwabizwa ngokuba yiDistrict loveLife Games) ngoLwesithathu we-24 Septemba 2008 (uSuku lweNkcubeko eliLifa lethu)).

2. I-loveLife isebenzisa iindlela eziliqela kwiphulo layo lokuthintela ukunwenwa kweHIV & AIDS. Enye yazo, iloveLife Games, isebenzisa izinto ezinjengezemidlalo, ubugcisa, ingxoxo-mpikiswano, isakhono sokubhala nezakhono zokusombulula iingxaki ukwenzela ukuba:
  • isebenze njengebangela inguqu (catalyst) kootitshala ukuze bona babe ngabenzi benguqu abaya kuhlanganisa abahlali babenze bakhuthalele ukugqithiswa kwemiyalezo yeHIV & AIDS, ukulwa izenzo zokutyatyekwa amabala (de-stigmatisation) nokufundisa izakhono zobomi; yaye
  • yenze abafundi babe bako ukufikelela nokufumana amathuba abhetele eendlela ezahlukeneyo zokuzonwabisa, kodwa kwangaxeshanye bafumane ingcaciso ebaluleke kakhulu ethathwa kwingcaciso ye-HIV & AIDS ngeendlela ezahlukeneyo, umz. kwenzeke oko bengaqondi ukuba kuyenzeka kwaye kubayafundisa (subliminally).
3. Kuvunyiwe ukuba iloveLife Games iya kuthi, ngenxa yezizathu zokukhuthaza ukubambisana, ibizwe ngokuba yiLifestyle Festival (uMnyhadala ongeNdlela yokuPhila). Lo mnyhadala uya kuba phantsi kwephiko le-ofisi yesithili semfundo ngasinye uze uqhutywe ngaba bantu balandelayo kwisithili ngasinye:
  • Umququzeleli wezakhono zobomi we-HIV & AIDS okanye umsebenzi wasefildini (fieldworker)
  • Utitshala ophambili (lead teacher) wezakhono zobomi ze-HIV & AIDS
  • Igosa lokukhuthaza ezemidlalo le-DCAS
  • Umququzeleli wemidlalo yeloveLife

IZITHILI ZEMFUNDOUKUFUNDISWA KWEZAKHONO ZOBOMI ZECANDELWANA LE-HIV & AIDS LE-WCED NGUMQUQUZELELI WEKHARITYHULAM WE-OFISI YESITHILIUKUFUNDISWA KWEZAKHONO ZOBOMI ZECANDELWANA LE-HIV & AIDS LE-WCED NGUTITSHALA OPHAMBILI WEKHARITYHULAM WE-OFISI YESITHILIIGOSA LOKUKHUTHAZA EZEMIDLALO LE-DCASUMQUQUZELELI WEMIDLALO YE-LOVELIFE (nenombolo yeselula)
CAPE WINELANDSPhyllis MtamoRodger AdamsRalph Coetzee Jacky Govender
0741805743
METRO CENTRALLoretta ErasmusRuth MontanusJason Mitchell
Sisanda Nkuhlu
Bulelani Futshane
0796359252
METRO EASTFrancois DorflingNadia AchmatJason Mitchell
Sisanda Nkuhlu
Marchellino Martin
0832700071
EDEN Lionel PedroMarjorie HolandDesiree AprilBulelwa MbaneDonovan Langisa 0760278387
CENTRAL KAROOEuclid JacobsDesiree AprilBulelwa MbaneGordon McKenzie
0796213744
METRO NORTHAndile MangaliJeneen CupidoJason Mitchel
Sisanda Nkuhlu
Nomsi Abrahams
0733189403
OVERBERGAlister AdonisAnnalie DavidsRalph CoetzeeZolani Barnes
0835287105
METRO SOUTHValerie JordaanBongani DlwathiJason Mitchell
Sisanda Nkuhlu
Ashley Roman
0741028537
WEST COASTKennith BooiseCorrin TigerCornelius MalgasAnansa Diener
0837362402


4. Uhlobo eya kuma ngalo imidlalo
4.1 Kuya kuthatha inxaxheba abafundi bezikolo bakuphisane bezizikolo (inter-schools level).
4.2 Amanqanaba amathathu othatho-nxaxheba aya kususela kumabakala abafundi abakuwo, kungabi ngokobudala beminyaka. Aya kwenzeka ngolu hlobo lulandelayo:
  • IBakala 7 nabangaphantsi kwalo
  • IBakala 9 nabangaphantsi kwalo
  • IBakala 12 nabangaphantsi kwalo
4.3 Uthatho-nxaxheba kuMnyhadala ongeNdlela yokuPhila weSekethe/kaMasipala kuthetha ukuba izikolo ezikwisekethe enye okanye kumasipala omnye ziya kuthatha inxaxheba ngokukhuphisana.
4.4 Isikolo esiwinileyo kumdlalo ngamnye kwisekethe nganye okanye kummandla kamasipala ngamnye siya kudlulela phambili kuloo mdlalo singenele uMnyhadala ongeNdlela yokuPhila oPhakathi kweZikolo zeSithili (Inter-schools District Lifestyle Festival).
4.5 Abaphathi bamaqela baya kunikwa yonke ingcaciso eyimfuneko kwintlanganiso eya kubanjwa phambi komnyhadala lowo. Zonke izikolo ezibhalisela ukuthatha inxaxheba kuMnyhadala ongeNdlela yokuPhila weSekethe/kaMasipala ka-2008 ziya kwaziswa ngomhla, ixesha nendawo yentlanganiso nganye.
4.6 Ukuze izikolo zibe nokuthatha inxaxheba kuMnyhadala ongeNdlela yokuPhila weSekethe/ kaMasipala ka-2008, mazizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo, nemayibuyiselwe ngomhla obekiweyo kumququzeleli wemidlalo yeloveLife kwisithili sakho.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:26

IFOM YOBHALISO  (ubukhulu: 10 KB)