Njengenxalenye yephulo lalo le-QIDS UP elijolise ekuphuculeni umgangatho wokubonelelwa kweeklasi zeBakala R, ukuze ngokwenjenjalo kuphuculwe umgangatho wokufundisa nokufunda, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukukwazisa ukuba isikolo sakho sichongelwe ukuba sibonelelwe ngojingi (jungle gym) nocingo lokubiyela indawo akuyo ngenkxaso-mali ye-QIDS UP kunyaka-mali ka-2008/2009.
Isikolo sakho ngoko ke siyacelwa ukuba senze size sifekse iplani yesiza esisiketshi esingacokisekanga ncam (rough sketch site plan) somhlaba wesikolo ebonisa apho ucingo olumalunga ne-25 x 4 = 100 m, lunokufakwa khona ngokunxulumene neklasi yeBakala R.
Izikolo ezikwimihlaba yabanini babucala (private properties) mazifune imvume ebhaliweyo yokufaka ucingo nojingi. Le mvume kunye neleta yemvume yebhunga lolawulo lesikolo kwizikolo zikarhulumente, mazingeniswe kwiWCED phambi kwe-24 Juni 2008 kule nombolo yefeksi 021 467 2697.
Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ufonele uNksz Vuyelwa Madasi (uMphathi weProjekthi yeQIDS UP) apha 021 467 9358 okanye uVictoria Tsukudu (weCandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko) apha 021 467 2591.
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala bakho, ootitshala be-ECD namalungu eSGB.
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:02