1. Ingcaciso yokwandalela
1.1 I-QIDS UP yimpendulo karhulumente kazwelonke kumngeni wezemfundo nophuhliso lwezakhono, njengoko kuchaziweyo kwi-Accelerated and Shared Growth Initiative for South Africa (AsgiSA) nenjongo yayo ikukufikelela kwawona manqanaba aphakamileyo olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala (literacy and numeracy) kwawona mabakala emfundo asezantsi.
1.2 Ngonyaka-mali ka-2007/8, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lagunyazisa umboneleli-nkonzo ukuba abale abasebenzi, izinto zokusebenza nezakhiwo (physical resources) kwizikolo eziziiprayimari neziziisekondari ezingama-405 ezikwimanqanaba lentlupheko 1 no-2 (NQ 1 & 2). Oku kwenze ukuba i-WCED iphumeze i-QIDS UP kakuhle ukuze kuphucuke umgangatho wokufunda nokufundisa kwezona zikolo zihlwempuzekileyo.
1.3 Ngaphezulu, iinjongo ze-QIDS UP kukwenza inkonzo kwiqela lezikolo eziseNtshona Koloni ezifundisa abafundi abasweleyo ngokwasemalini nabangenazo izinto zokufunda ezingundoqo ukwenzela ukuba bafunde ngempumelelo.
1.4 Kunyaka-mali ka-2007-08, ngama-369 ezikolo zaseprayimari ezikwi-NQ 1, neesekondari ezingama-36, ezafumana isixa esikhulu sezixhobo zokufunda. Ukongeza, ezinye izikolo zaseprayimari eziyi-171 neesekondari eziyi -77 ezikwi-NQ 3 ziya kufumana inkxaso kunyaka-mali ka-2008-09.
1.5 Uya kuthi uphela unyaka-mali ka-2008-09, i-QIDS UP ibe seyinike uncedo izikolo zaseprayimari iziyi-540 neesekondari eziyi -113 ezikwimanqanaba entlupheko 1, 2 no-3.
2. Isishwankathelo esifutshane sezinto ezifunyenwe xa bekubalwa izinto zokuncedisa ukufunda okukhankanywe apha ngasentla:
2.1 Iimeko ezinganelisiyo nokunqongophala kwendawo ezikolweni, ukunqongophala kootitshala kwiinkalo ezibalulekileyo; ukunqongophala kweelayibrari; ukunqongophala kweelebhu zesayensi, ithekhinoloji ne-ICT; nokunqongophala kwe-LTSM elungiselelwe ngakumbi i-NCS; intlaninge yeengxaki zasentlalweni (umz. ubuhlwempu, ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala, ubugewu (gangsterism) neengxaki zempilo (umz. i-T.B., ukunzanzatheka kweentsana ezizelwe zingamaxhoba otywala (foetal alcohol syndrome), ukungaboni kakuhle, ukungeva kakuhle) kudodobalisa impumelelo ezifundweni.
2.2 Izikolo eziziiisekondari ezitshonelwa kakhulu ngabafundi zikwangqongwe nazo zizikolo eziziiprayimari ezingenazibonelelo zokunika imfundo eyiyo.
2.3 Uninzi lwezikolo ezikwi-NQ 1 no-2 ezisemaphandleni zifuna ukulungiswa ngokukhawuleza kwaye zinezinto zokufunda ezimbalwa. Ifanitshala yesikolo yayikumgangatho ophantsi (umz. iibhodi zirhazukile, iikhabhathi zeklasi zineengcango nezibambo ezaphukileyo), iifestile ezaphukileyo zikho kwindawo yonke, iimfumba ngeemfumba zeencwadi zezifundo (textbooks) ezindala ezibekwe xazalala neencwadi zovavanyo ezazizele kuyo yonke indawo.
2.4 Ezi zikolo zine-LTSM encinane kakhulu yokuxhasa i-NCS.
3. Ukusombulula ezi ngxaki, ngo-2007 i-QIDS UP yasetyenziswa ekwenzeni ezi zinto zilandelayo:
  • Ukufakelwa koojingi ababiyelweyo kwizikolo zaseprayimari zikarhulumente ezifundisa iBakala R
  • Umsebenzi wokulondoloza nokulungisa izakhiwo ezikolweni ezikumanqanaba asezantsi entlupheko (lowest quintiles)
  • Kwasekwa iilayibrari zezikolo, okanye kwahlaziywa ezindala, kuzo zonke izikolo eziziiprayimari neesekondari ezikwi-NQ 1 no-2 (Kwizibonelelo zeelayibrari ezazinikwayo kwakukho iincwadi, ii-CD, iitheyiphu neetshathi zodonga. Izikolo ezinamanani amakhulu zanikwa ikhompyutha nesoftware yokusetyenziswa kulawulo lwelayibrari.)
  • Kwaqeqeshwa ootitshala bokulawula ezi layibrari
  • Kwenziwa uvavanyo lwesikolo siphela kwizikolo ezikhethiweyo
  • Izikolo ezisweleyo zancediswa ngemali yokwakha iziseko zeelebhu zeekhompyutha zazo (Ezi ziseko zophuculo zifuneka phambili ukuze uKhanya abe nokufakela iikhompyutha.)
  • Izikolo ezafumana inkxaso-mali kwi-QIDS UP ngo-2007 zanika ingxelo encumisayo ngokuphucuka kwezinto okwathi kwenzeka kuzo.

4. Yintoni enokulindelwa zizikolo ze-QIDS UP kunyaka-mali ka-2008-09?
4.1 Xa kunikwa izibonelelo kwizikolo eziziiprayimari neesekondari ezikwi-NQ 1, 2 no-3 kuya kugxininiswa ekuphuculeni umgangatho wemfundo ukwenzela ukunika amathuba alinganayo eNtshona Koloni ngokusebenzisa iprogram yokulungisa ubugwenxa bangaphambi (redress).
4.2 Ngokususela kwingxelo yokubalwa kwezinto, i-QIDS UP iya kuqhubeka nokulungisa izakhiwo zezona zikolo zihlwempuzekileyo nokunika izibonelelo ezingundoqo, ezinjengezixhobo zokufunda, izinto ezisetyenziswa mihla le sisikolo ezingahlali ithuba lide (consumable items), izinto zokufunda zaselayibrari nezibonelelo zokuxhasa ikharityhulam.
4.3 Uvavanyo lwesikolo siphela luya kuqhubeka kwizikolo ezikhethiweyo.
5. Izinto eziyinzuzo ezikolweni:  ISihlomelo A sinika uluhlu lwazo zonke izikolo ezikwi-NQ 1, 2 no-3 eziya kuzuzwa kwi-QIDS UP.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:19

Isihlomelo A  (ubukhulu: 119 KB)