1. Iikopi zomqulu wokuqala wothotho lweengcinga i-Reflections zathunyelwa ezikolweni, kwii-ofisi zezithili, kwaNdlunkulu, kumaziko emfundo nakwamanye amaziko achaphazelekayo nale Ngcaciso iMfutshane 0003/2008. .
2. Amaziko amaninzi acele ezinye iikopi, kwaye zisafumaneka ezi kopi xa kukho naliphi na iziko elifuna ezinye iikopi. ( http://wced.wcape.gov.za/HCDS )
3. Umqulu wesibini wothotho lweengcinga i-Reflections on Human Capital Development Strategy ngoku sele ufumaneka, kwaye apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe ikopi eprintiweyo. Isihloko ngasinye siqwalasela imiba ngemiba kucwangciso lwemfundo nokwenziwa kweenkonzo, sikwanika isishwankathelo semeko eqhubekayo ngoku size sijongisise kwakhona ingcaciso neembono ezichaphazela isihloko eso. Kukwacaciswe neengcebiso ezinikwa abacwangcisi neengcali zemigaqo-nkqubo ukuhlangabezana neenjongo zeHCDS. Iikopi zamaxwebhu esi-Afrikansi nesiXhosa ziya kufumaneka kwakwenziwa isicelo soko.
4. Bayakhuthazwa abaqeshwa beSebe iWCED ukuba bakufunde okuqulathwe ngulo mqulu ngeliso elibukhali nokuba banike ithuba lengxoxo-mpikiswano amabayenze bona kunye nabaya kuyenza nekomiti yeprojekthi ye-HCDS.
5. Sinethemba lokuba abo bachaphazelekayo baya kukufumana okuqulathwe ngulo mqulu kukhuthaza kwaye kunika umdla. Ikomiti yeprojekthi yeHCDS iya kulindela iikhomenti neeengxoxo zenu.
6. Aba balandelayo ngamalungu ekomiti yeprojekthi yeHCDS:

Fiona Lewis:  filewis@pgwc.gov.za
Vumile Nyalashe: vnyalash@pgwc.gov.za
Zaahida Hartley: zhartley@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:23


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).