INkomfa yoNyaka we-10 yoMbutho we-LIASA (Library and Information Services Association of South Africa)' iya kuqala ukususela ngoLwesibini we-7 Oktobha kude kube ngoLwesihlanu we-10 Oktobha 2008, kanti ke kuza kubakho neenkomfa ezandulelayo neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwezinye iindawo ezahlukeneyo (satellite sessions) ngoMvulo we-6 Oktobha. Umxholo wenkomfa uthi: Looking ahead: the changing role of LIS. Le nkomfa iya kubanjelwa eCape Town International Convention Centre (CTICC) kwaye iya kuhlinzekwa liSebe le-LIASA eNtshona Koloni. Iinkcukacha ezipheleleyo malunga nayo, neenkcukacha zobhaliso neprogram, zinokufunyanwa kwiziko lewebhu le-LIASA elisemthethweni apha www.liasa.org.za.

Okona kubangela umdla kootitshala bethu beelayibrari zesikolo/kumaziko angoovimba bolwazi/kootitshala abangoonolayibrari ngumasifundisane wasemva kwenkomfa we-SLYSIG, (School Libraries and Youth Services Interest Group), oya kuba ngoMgqibelo we-11 Oktobha 2008, eCape Town High School, Government Avenue (access off Hatfiled Street), eKapa. Iprogram eyidrafti, ethunyelwa iqhotyoshelwe kolu xwebhu, ithembisa ukuba lo masifundisane uya kunika ingcaciso eninzi kakhulu nenomdla (jonga kwakhona ilinki yeprogram eyidrafti kwiziko lewebhu le-LIASA).

Umhla wokuvala ubhaliso olwandulela inkomfa yi-29 Septemba 2008, nangona luya kuba nako ukwenziwa nakwindawo yenkomfa ngolo suku. Intlawulo yobhaliso yi-R150,00 kumalungu e-LIASA/SLYIG ize ibeyi-R200,00 kwabo bangengawo amalungu. Iinkcukacha ezipheleleyo kwakunye neefom zobhaliso ziyafumaneka kwiziko lwebhu.

Sikhuthaza bonke ootitshala abangoonolayibrari nootitshala abanomdla kwiilayibrari zezikolo/kumaziko angoovimba bolwazi ukuba beze kulo masifundisane unomahluko.



ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:22

Draft programme  (ubukhulu: 20 KB)